uYohane uYohane 19
uYohane 19
1Waza ngoko uPilato wamthabatha uYesu, wamtyakatya. 2Aza amasoldati aluka isithsaba sameva, ambeka entloko, amnxiba ingubo ebomvu, 3besithi, Vuya, Kumkani wamaYuda! bambetha ke ngezandla. 4Wabuya ngoko waphuma phandle uPilato; athi kubo, Yabonani, ndimzisa phandle kuni, ukuze nazi ukuba andifumani nalinye ityala kuye. 5Waphuma phandle ngoko uYesu, enxibe isithsaba sameva nengubo ebomvu; Athi kubo uPilato, Nanko umntu. 6Bathe ngoko, bakumbona ababingeleli abakhulu namadindala, bankqangaza, besithi, Mbethelele emnqamlezweni! Athi kubo uPilato, Mthabatheni nina, nimbethelele emnqamlezweni; kuba mna andifumani tyala kuye. 7Amphendula amaYuda athi, Thina sinomthetho; ngomthetho wethu ke ufanele ukufa, ngokuba ezenze uNyana kaThixo. 8Uthe ngoko uPilato, akuliva elo lizwi, woyika ngakumbi. 9Wabuya wangena endlwini yerhuluneli, wathi kuYesu, Ungowaphi na wena? Akaphendula ke uYesu kuye. 10Athi ngoko uPilato kuye, Akuthethi na kum? Akwazi na ukuba ndinegunya lokukubethelela emnqamlezweni, nokuba ndinegunya lokukukhulula? 11Uphendule uYesu wathi, Unge ungenagunya nakanye kum, ukuba ubungalinikwanga livela phezulu; ngenxa yoko ondinikeleyo kuwe unesono esikhulu ngakumbi. 12Ngenxa yoko wayefuna uPilato ukumkhulula; kodwa amaYuda ayenkqangaza esithi, Ukuba uthe wamkhulula lo, akusihlobo sikaKesare; bonke abazenza ukumkani bachasa uKesare. 13Elivile ngoko uPilato eli lizwi, wamzisa phandle uYesu, wahlala esihlalweni sokugweba kwindawo ekuthiwa, siSandlalo saMatye; 14Ke kaloku kwakuyimini yokulungiselela ipasika, ilixa ke ngathi lilelesithandathu; athi kumaYuda, Nanko uKumkani wenu! 15Basuka ke bona bankqangaza, besithi, Msuse, mbethelele emnqamlezweni! Athi kubo uPilato, Ndimbethelele emnqamlezweni na uKumkani wenu? Baphendula ababingeleli abakhulu bathi, Asinakumkani ngaphandle kukaKesare. 16Wandula ngoko ukumnikela kubo, ukuze abethelelwe emnqamlezweni. Bamthabatha ke uYesu, bemka naye. 17Waphuma ethwele umnqamlezo wakhe waya kwindawo ekuthiwa yiNdawo yoKhakhayi, leyo kuthiwa ngesiHebhere yiGolgota, 18apho bambethelela khona emnqamlezweni, nabanye naye abangabambi bebabini, ngeenxa zombini, uYesu ke ephakathi. 19uPilato wabhala nombhalo, wawubeka emnqamlezweni. Kwaye ke kubhaliwe kwathiwa, UYESU waseNazarete, uKumkani wamaYuda. 20Lo mbhalo ngoko into eninzi yamaYuda yawulesa; ngokuba indawo, uYesu awayebethelelwe kuyo emnqamlezweni, yayikufuphi nomzi; kwaye ke kubhalwe ngesiHebhere, nangesiGrike, nangesiRoma. 21Bathi ngoko ababingeleli abakhulu bamaYuda kuPilato, Musa ukubhala ukuthi, uKumkani wamaYuda; wathi, NdinguKumkani wamaYuda. 22Waphendula uPilato wathi, Endikubhalileyo ndikubhalile. 23Athe ngoko amasoldati, xa abembethelele emnqamlezweni uYesu, azithabatha iingubo zakhe, enza izabelo ezine, laelo isoldati lanesabelo; kwanengubo yangaphantsi. Ke yona ingubo yangaphantsi ibingenamthungo; yayilukiwe iphela, ithabathele phezulu. 24Atshono ngoko ukuthi, Masingayikrazuli, masiyenze amaqashiso, ukuba yoba yekabani na; ukuze sizaliseke isibhalo esithi, Babelana ngeengubo zam, benza amaqashiso ngesambatho sam. Amasoldati ke ngoko azenza ezi zinto. 25Ke kaloku kwakumi ngasemnqamlezweni kaYesu unina, nomsakwabo bonina, uMariya umkaKleyopa, noMariya waseMagadala. 26uYesu ngoko, akumbona unina, naye umfundi abemthanda emi khona, uthi kuye unina, Mfazi, nanko unyana wakho! 27Aze athi kumfundi lowo, Nanko unyoko! Wathi kwakwelo lixa loo mfundi wamthabatha, wamsa ekhayeni lakhe. 28Emveni koko, uYesu, esazi ukuba zonke izinto sezifezekile, ukuze sifezeke isibhalo, wathi, Ndinxaniwe. 29Kwakukho isitya sizele yiviniga; bazalisa imfunxa ngeviniga, bayibeka phezu kwehisope, bayisa emlonyeni wakhe. 30Xa ngoko uYesu wabeyamkele iviniga, wathi, Kugqityiwe! Wathoba intloko, wawunikela umoya wakhe. 31Athe ngoko amaYuda, ekubeni yayiyimini yokulungiselela, ukuba imizimba ingahlali emnqamlezweni ngesabatha (kuba loo sabatha ibingumhla omkhulu), acela kuPilato ukuba imilenze yabo yaphulwe, babanjwe, kude. 32Eza ngoko amasoldati, ayaphula okunene imilenze yowokuqala, neyomnye obebethelelwe emnqamlezweni naye. 33Kodwa akufika kuYesu, akubona ukuba uselefile, akayaphula imilenze yakhe. 34Lesuka elinye isoldati lamhlaba ngomkhonto ecaleni, kwaoko kwaphuma igazi namanzi. 35Nalowo ubonileyo ungqinile, nobungqina bakhe buyinyaniso; naye yena uyazi ukuba uthetha inyaniso, ukuze nani nikholwe. 36Ezo zinto zenzeka ukuze isibhalo sizaliseke esithi, Akuyi kwaphulwa thambo lakhe. 37Kanjalo nesinye isibhalo sithi, Baya kukhangela kulowo bamhlabileyo. 38Ke kaloku emveni koko, uYosefu waseArimati (engumfundi kaYesu, ke enguye ngokufihlakeleyo ngenxa yokoyika amaYuda), wacela kuPilato, ukuba awususe umzimba kaYesu. Waza uPilato wavuma; Weza ngoko, wawuthabatha umzimba kaYesu. 39Kweza noNikodemo, lowo wezayo kuYesu ekuqaleni ebusuku, ephethe umxube wemore nehaloti, omalunga nekhulu leeponti. 40Bawuthabatha ke umzimba kaYesu, bawubopha ngezisongelo zelinen, ndawonye nobulawu, njengoko kulisiko lokungcwaba kumaYuda. 41Ke kaloku, bekukho kuloo ndawo wayebethelelwe kuyo emnqamlezweni umyezo; nasemyezweni apho bekukho ingcwaba elitsha, ekungazanga kubekwe mntu kulo. 42uYesu ngoko bambeka khona apho, ngenxa yemini yokulungiselela kwamaYuda; kuba ingcwaba belikufuphi.
Currently Selected:
uYohane uYohane 19: CXB24
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.

: