uLuka uLuka 2

uLuka 2
1Ke kaloku kwathi ngaloo mihla, kwaphuma ummiselo kuKesare Awugusto othi, malibhalwe encwadini yomlibo wokuzalwa lonke elimiweyo. 2Olu lubhalo lwaba lolokuqala, akubon’ ukuba uKireniyo uyirhuluneli yeSiriya. 3Baphuma ke bonke, besiya kubhaliswa, elowo waya kowabo. 4Wenyuka ke noYosefu, evela kwelaseGalili, kumzi oyiNazarete, waya kwelakwaYuda, emzini kaDavide, ekuthiwa yiBhetelehem; ngokuba ebengowendlu kaDavide, engowemizalwane yakhe; 5esiya kubhalwa, enoMariya, umfazi lowo wayemganelwe, selekhulelwe. 6Ke kaloku kwathi, xa bakhona, yazaliseka imihla yokuba azale. 7Wamzala unyana wakhe wamazibulo, wamsongela eziqhiyeni, wamlalisa emkhumbini wesitali, ngokuba babengenandawo endlwini yabahambi. 8Kwaye kukho abalusi kwakwelo lizwe, behlala ezindle, belinda ebusuku imihlambi yabo. 9Babona ngesithunywa seNkosi simi phezu kwabo, bathi nobuqaqawuli beNkosi bababengezelela ngeenxa zonke; besuka boyika ngokoyika okukhulu. 10Sathi kubo isithunywa, Musani ukoyika; kuba, yabonani, ndinishumayeza iindaba ezilungileyo zovuyo olukhulu, oluya kuba kubo bonke abantu. 11Nizalelwe namhlanje kwisixeko sikaDavide uMsindisi, onguKrestu iNkosi. 12Lo ngumqondiso kuni; Nofumana lusana lusongelwe eziqhiyeni, lulele emkhumbini. 13Kwabakho ke ngesiquphe, ndawonye nesithunywa eso, inkitha yomkhosi wasemazulwini, idumisa uThixo, isithi, 14Uzuko kuThixo enyangweni, Uxolo emhlabeni, Inkolelo ebantwini. 15Ke kaloku kwathi, zakumka kubo izithunywa zisiya ezulwini, abo abalusi bathi omnye komnye, Masiye eBhetelehem apho, siyibone le nto ihlileyo, esiyazisiweyo nguYehova. 16Beza ngobungxamo, bamfumana uMariya, kwanoYosefu, nalo usana lulele emkhumbini wesitali. 17Bakuyibona loo nto, balibhengeza ilizwi elabe lithethwe kubo ngaye lo mntwana. 18Bathi bonke abo bevayo, bamangaliswa zezo zinto zabe zithethwe kubo ngabalusi. 19Waye ke uMariya ezigcina zonke ezi zinto eziguquguqula entliziyweni yakhe. 20Babuya abalusi, bemzukisa bemdumisa uThixo, ngenxa yazo zonke izinto ababezivile nababezibonile, njengoko kwabe kuthethiwe kubo. 21Xeshikweni ke zazizalisekile iintsuku ezisibhozo zokuba umntwana aluswe, wathiywa igama elinguYesu, elo wabelithiyiwe sisithunywa sezulu, engekamithwa nokumithwa. 22Zithe ke zakuzaliseka iintsuku zokuhlanjululwa kwakhe ngokomthetho kaMosis, bamsa eJerusalem, ukuba bammise phambi kweNkosi. 23Njengoko kubhaliweyo emthethweni weNkosi, kwathiwa, Yonke into eliduna, evula isizalo, kuthiwe ingcwele eNkosini; 24nokuba benze idini njengoko kutshiwoyo emthethweni kaYehova, isibini samahobe, nokuba ngamavukuthu amabini. 25Kwabonakala kukho umntu eYerusalem, ogama linguSimon; waye loo mntu elilungisa, emoyika uThixo, elinde intuthuzelo kaSirayeli; waye noMoya oyiNgcwele ephezu kwakhe. 26Wayetyhilelwa nguMoya oyiNgcwele, ukuba akayi kubona kufa, engekamboni uKristu weNkosi. 27Weza ngaye uMoya etempileni; kwathi, ekumngeniseni kwabo abazali umntwana uYesu, ukuba bamenzele ngokwesiko lomthetho. 28Wamwola ngeengalo zakhe, wambonga uThixo, wathi, 29Kaloku, Nkosi yam, uyamndulula ngoku umkhonzi wakho enoxolo, ngokwelizwi lakho. 30Ngokuba amehlo am alubonile usindiso lwakho, 31Owulungisileyo phambi kobuso babantu bonke; 32Isikhanyiso sokukhanyisela iintlanga, nesihombo sabantu bakho amaSirayeli. 33Bamangaliswa ooYosefu nonina zezo zinto zithethwayo ngaye. 34uSimon wabasikelela, wathi kuMariya unina, Uyabona, lo umiselwe ukuwa nokuvuka kwabaninzi kwaSirayeli; nokuba ngumqondiso ochasiweyo; 35ukuze ube nokutyhilwa izicamango eziphuma ezintliziyweni ezininzi; ewe ke, nowakho umphefumlo ikrele liya kuwutyhutyha. 36Kwaye kukho noAna umprofetikazi, intombi kaFanuweli, wesizwe sika-Ashere. Yena waye eselekhulile kakhulu, waye ke ebehleli nendoda iminyaka esixhenxe, ethabathela ebuntombini bakhe. 37Eye yena engumhlolokazi ominyaka ngathi imashumi asibhozo anamine, obengemki etempileni, ekhonza uThixo ngokuzila ukudla nangokukhunga ubusuku nemini. 38Wathi yena ngokwakhe, weza kwangelo lixa, wabulela kuYehova; wayethetha ngayo kubo bonke abo babelinde ukukhululwa ngentlawulelo, eYerusalem. 39Bakuba bezigqibile zonke izinto ngokomthetho weNkosi, babuyela kwelaseGalili, emzini wabo iNazarete. 40Ke kaloku wakhula umntwana, waya esomelela emoyeni, ezele bubulumko; lwaye nobabalo lukaThixo luphezu kwakhe. 41Abazali bakhe babehamba iminyaka ngeminyaka besiya eYerusalem emthendelekweni wepasika. 42Kuthe, xa wayeneminyaka elishumi elinamibini ezelwe, benyuka baya eYerusalem ngokwesiko lomthendeleko lowo. 43Bakuba bezigqibile ke iintsuku ezo, ekubuyeni kwabo, umntwana uYesu wasalela eYerusalem. Babengazi ke uYosefu nonina. 44Babeba ke naye uphakathi kwesihlwele, bahamba uhambo lwemini enye; Baye ke bemfuna phakathi kwemizalwane nabazana nabo. 45Bathe bakuba bengamfumani, babuyela eYerusalem, bemfuna. 46Kwathi, emva kweentsuku ezintathu, bamfumana etempileni, ehleli phakathi kwabafundisi, ebaphulaphula, ebabuza. 47Basuka bonke ababemphulaphula bathi nqa yingqondo yakhe na ziimpendulo zakhe. 48Bakumbona bakhwankqiswa. Unina wathi kuye, Mntwana wam, yini na ukuba usenjenje? uyabona, uyihlo nam besikufuna sibuhlungu. 49Wathi kubo, Benindifunela ntoni na? Beningazi na ukuba ndimelwe kukuba ndibe semicimbini kaBawo? 50Ke bona abayiqondanga into awayeyithetha kubo. 51Wehla nabo, waya kufika eNazarete, wabalulamela. Waye ke unina ezigcina zonke ezi zinto entliziyweni yakhe. 52uYesu wayehambela phambili ebulumkweni nasebukhulwini, nasekuthandweni nguThixo nangabantu.

Currently Selected:

uLuka uLuka 2: CXB24

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena