uLuka uLuka 21
uLuka 21
1Waza wabona izityebi ziphosa iminikelo yazo emkhumbini wokulondoloza imali. 2Wabona ke mhlolokazi uthile ulihlwempu, ephosa apho iimalanana ezimbini. 3Wathi, Inene ndithi kuni, Lo mhlolokazi ulihlwempu uphose ngaphezu kwabo bonke; 4Kuba bonke aba baphose eminikelweni kaThixo, bethabatha kwintabalala yabo; ukanti lo, ekusweleni kwakhe, uphose yonke impilo abenayo. 5Ke kaloku, kwakubon’ ukuba abathile bayathetha ngayo itempile, ukuba ihonjiswe ngamatye amahle nangeminikelo, wathi, 6Ezi zinto nizibona nje, kuya kufika imihla ekungayi kusala litye phezu kwelitye, elingayi kuchithwa. 7Bambuza ke besithi, Mfundisi, ziya kubakho nini na ke ezi zinto? uya kuba yintoni na umqondiso, xa ezo zinto ziya kubakho? 8Wathi ke yena, Lumkani ningalahlekiswa; kuba baninzi abaya kuza egameni lam, besithi, banguye uKristu; ixesha lisondele; musani ukubalandela ngoko. 9Xa nithe neva iimfazwe neziphithiphithi, musani ukunkwantya; kuba ezo zinto zimele ukuthi zihle kuqala; kodwa isiphelo asiyi kuba kwaoko. 10Wandula wathi kubo, Uhlanga luya kuvukelana nohlanga, nobukumkani buvukelane nobukumkani. 11Kuya kubakho iinyikima zomhlaba ezinkulu kwiindawo ngeendawo, neendlala, neendyikitya zokufa; kuya kubakho izinto ezoyikekayo, kwanemiqondiso emikhulu evela ezulwini. 12Ngaphambili ke kwazo zonke ezo zinto, baya kunisa izandla, banitshutshise, beninikela ezindlwini zesikhungu nasezintolongweni, nisiwe phambi kookumkani neerhuluneli ngenxa yegama lam. 13Oko ke kuya kuthi kube bubungqina kuni. 14Kumiseni ngoko ezintliziyweni zenu, ukuba ningakucingi ngaphambili ukuziphendulela. 15Kuba mna ndiya kuninika umlomo nobulumko, abangayi kuba nako ukubuphikisa nokumelana nabo, bonke abanichasileyo. 16Ke kaloku niya kunikelwa nangabazali, nangabazalwana, nayimizalwane, nazizihlobo; bathi inxenye kuni babulawe; 17niya kuthiywa ngabantu bonke ngenxa yegama lam. 18Akusayi kutshabalala nonwele olu entlokweni yenu. 19Ekunyamezeleni kwenu, noyizuza imiphefumlo yenu. 20Xa nithe nayibona iYerusalem irhawulwe yimikhosi, yazini oko ukuba kusondele ukuphanza kwayo. 21Ngelo xa mabathi abakwelakwaYuda basabele ezintabeni; nabaphakathi kwawo mabaphume bemke; nabasemaphandleni mabangangeni kuwo. 22Kuba yimihla yempindezelo leyo, ukuze kuzaliseke konke okubhaliweyo. 23Yeha ke, abamithiyo nabanyisayo ngaloo mihla! kuba kuya kubakho ingxakeko enkulu ezweni, nengqumbo kwaba bantu; 24Baya kuwa ngohlangothi lwekrele, bathinjwe, basiwe kuzo zonke iintlanga, neYerusalem inyathelelwe phantsi ziintlanga, ade azaliseke amaxesha eentlanga. 25Kuya kubakho imiqondiso elangeni nasenyangeni nasezinkwenkwezini; nasemhlabeni kubekho ukuxinezeleka kweentlanga, zithingaza; kugquma ulwandle namaza; 26Abantu besifa kukoyika nakukulindela izinto ezilizelayo elimiweyo; kuba amandla ezulu aya kuzanyazanyiswa. 27Baya kumbona ke ngelo xesha uNyana woMntu esiza ngelifu, enamandla nobuqaqawuli obukhulu. 28Ke kaloku, zakubon’ ukuba ezi zinto ziyaqala ukuhla, sukani nime, niziphakamise iintloko zenu; kuba iyasondela inkululeko yenu. 29Ke kaloku wathetha umzekeliso kubo; Wukhangele umkhiwane nemithi yonke; 30xa iselithe yavelisa amagqabi, niyabona nazi ngokwenu ukuba ihlobo selikufuphi. 31Kwangokunjalo nani, xa nithe nazibona ezi zinto zisihla, yazini ukuba bukufuphi ubukumkani bukaThixo. 32Inene ndithi kuni, Asisayi kudlula esi sizukulwana, zide zihle zonke ezi zinto. 33Liya kudlula izulu nehlabathi, kodwa amazwi am akayi kudlula. 34Zilumkeleni ke, hleze zisindwe iintliziyo zenu kukuzingxala, nakukunxila, nangamaxhala obu bomi, ize loo mini inifikele ngebhaqo. 35Kuba iya kubazela njengomgibe bonke abahleli phezu kwehlabathi lonke. 36Phaphani ngoko, amaxesha onke nikhunga, ukuze kuthiwe nikufanele ukuzisaba zonke ezo zinto ziza kuhla, nokumiswa phambi koNyana woMntu. 37Ke kaloku, emini ebefundisa etempileni; waphuma ebusuku, waya wahlala entabeni ekuthiwa yeyemiNquma. 38Baye bonke abantu besiza kuye kwakusasa etempileni, ukuba bamve.
Currently Selected:
uLuka uLuka 21: CXB24
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.

: