uMateyu uMateyu 15
uMateyu 15
1Ngelo xesha beza kuYesu abaseYerusalem ababhali nabaFarisi, besithi, 2Kungani na ukuba abafundi bakho basigqithe isithethe samanyange? ngokuba abazihlambi izandla zabo, xa badla isonka. 3Waphendula ke yena wathi kubo, Nani, kungani na ukuba niwugqithe umthetho kaThixo ngenxa yesithethe senu? 4Kuba uThixo wawisa umthetho, esithi, Mbeke uyihlo nonyoko; wathi kanjalo, Omthethela kakubi uyise nokuba ingunina, makafe ukufa. 5Ke nina nithi, Othe kuyise nokuba kukunina, Iselingumnikelo kuThixo, into onge uba uncedwa ngayo ndim, ukholisile; 6ingambeki uyise nonina; yoba msulwa. Niwuphangile ke igunya umthetho kaThixo ngenxa yesithethe senu. 7Bahanahanisindini, watyapha ukuprofeta ngani uIsaya, esithi, 8Aba bantu basondela kum ngomlomo wabo, bandibeke ngemilebe yomlomo wabo; kodwa intliziyo yabo ikude lee kum. 9Bafumana ke bendihlonela, Befundisa iimfundiso eziyimithetho yabantu. 10Wayibizela kuye indimbane, wathi kubo, Phulaphulani niqonde. 11Asikokungena emlonyeni okumenza inqambi umntu; ke okuphuma emlonyeni, kuko oko okumenza inqambi umntu. 12Beza abafundi bakhe bathi kuye, Uyazi na ukuba abaFarisi bathe bakuliva elo lizwi bakhubeka? 13Waphendula ke wathi, Zonke izityalo ezingatyalwanga nguBawo wasemazulwini ziya kuncothulwa. 14Bayekeni; ngabakhokeli beemfama abakwaziimfama; Ke kaloku, xa sukuba imfama ikhokela imfama, zombini ziya kweyela emhadini. 15Waphendula ke uPetros wathi kuye, Sixelele lo mzekeliso. 16Wathi ke uYesu kubo, Anikabi nakuqonda na nani nangoku? 17Anikaqondi na ukuba yonke into engena emlonyeni ingena esiswini, ize iphoswe entlanjeni? 18Ke zona izinto eziphuma emlonyeni, ziphuma kuyo intliziyo; zimenza inqambi umntu. 19Kuba kuyo intliziyo kuphuma izicamango ezingendawo, ookubulala, ookukrexeza, oomibulo, oobusela, ookungqina ubuxoki, ookunyelisa. 20Zizo ezo izinto ezimenza inqambi umntu; kodwa kona ukudla ngezandla ezingahlanjwanga akumenzi nqambi umntu. 21Ephumile khona apho, uYesu wasinga kwimida yaseTire neTsidon. 22Kwathi thu umKananekazi evela kuloo mida, ekhala esithi, Ndenzele inceba, Nkosi, nyana kaDavide; intombi yam iphethwe yidemon kakubi. 23Kodwa akamphendulanga nelizwi eli. Beza abafundi bakhe, bamcela besithi, Mndulule; ngokuba uyakhala emva kwethu. 24Waphendula ke yena wathi, Ndithunywe kwizimvu ezilahlekileyo zendlu kaSirayeli zodwa. 25Weza ke waqubuda kuye, esithi, Nkosi, ndincede. 26Uphendule ke wathi, Asinto intle ukusithabatha isonka sabantwana, siphoswe ezinjaneni. 27Wathi ke yena, Ewe, Nkosi; kuba neenjana zidla kwiimvuthuluka eziwa etafileni yabaninizo. 28Waphendula ke uYesu wathi kuye, Mfazi, lukhulu ukholo lwakho; makwenzeke kuwe ngokuthanda kwakho. Yaphiliswa intombi yakhe kwangelo lixa. 29Emka apho uYesu, weza ngaselwandle lwaseGalili; wenyuka intaba, wahlala phantsi khona. 30Kweza kuye izihlwele ezininzi, zinazo iziqhwala, iimfama, izidenge, izilima, nabanye abaninzi, zababeka phantsi ezinyaweni zikaYesu; wabaphilisa. 31Zada zamangaliswa izihlwele ezo, zakubona izidenge zithetha, izilima ziphilile, iziqhwala zihamba, neemfama zibona; zamzukisa uThixo kaSirayeli. 32Ebabizele ke kuye uYesu abafundi bakhe, wathi, Ndisikwa yimfesane ngenxa yezihlwele, ngokuba sekuntsuku ntathu behleli nam, bengenanto bangayidlayo; 33Bathi ke kuye abafundi bakhe, Sozizuza phi na entlango apho izonka ezingaka, zokuhluthisa isihlwele esingaka? 34Athi kubo uYesu, Zingaphi na izonka eninazo? Bathi ke bona, Zisixhenxe, neentlanzi ezimbalwa. 35Wathi kwizihlwele mazihlale phantsi emhlabeni. 36Wazithabatha ke izonka zosixhenxe neentlanzi, wabulela, waqhekeza, wanika abafundi bakhe, abafundi ke banika izihlwele. 37Badla bahlutha bonke, kwaza kwaqokelelwa iingobozi ezisixhenxe zizele yintsalela. 38Ke kaloku abo babesidla babengamawaka amane amadoda, ngaphandle kwabafazi nabantwana. 39Esindulule ke isihlwele, wangena emkhombeni, weza emacaleni aseMagadala.
Currently Selected:
uMateyu uMateyu 15: CXB24
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.

: