uMarko uMarko 14
uMarko 14
1Ke kaloku bekuza kubakho ipasika, izonka ezingenagwele, emveni kweentsuku ezimbini; baye ke ababingeleli abakhulu nababhali befuna ukuba bangathini na ukumbamba ngenkohliso, bambulale. 2Babesithi ke, Kungabi ngomthendeleko, hleze kubekho isaqunge ebantwini. 3Kuthe eseBhetani, endlwini kaSimon owayeneqhenqa, akubon’ ukuba uhleli, kweza umfazi enehlala lelabhastile, linamafutha enadusi engangxengelelweyo, exabiso likhulu; walityumza iselwa, wamgalela entloko. 4Kwaye ke kukho abathile abacaphukayo phakathi kwabo, besithi, Yenzelweni na le nkcitho yamafutha aqholiweyo? 5Kuba la mafutha bekungathengiswa ngawo ngeedenariyo ezingaphezu kwamakhulu amathathu, kuphiwe amahlwempu. Baye bamkrokrela. 6Uthe ke uYesu, Myekeni; yini na ukuba nimkhathaze? Undenzele umsebenzi omhle. 7Kuba amahlwempu lawo nihleli ninawo, nize xa sukuba nithanda, nibe nako ukuwenzela okulungileyo; ke mna anihleli ninam. 8Yena ukwenzile abenako; uphange weza wawuthambisela ukungcwatywa umzimba wam. 9Inene ndithi kuni, Apho zithe zavakaliswa khona ezi ndaba zilungileyo kulo lonke ihlabathi, iya kuxelwa nayo le nto ayenzileyo yena, ibe sisikhumbuzo ngaye. 10uYuda Sikariyoti, omnye kwabeshumi elinababini, wesuka waya kubabingeleli abakhulu, ukuba amnikele kubo. 11Bakuva ke oko, bavuya, bamthembisa ngokumnika imali. Wayefuna ukuba angathini na ukumnikela ngexesha elimlungeleyo. 12Ke kaloku, ngowokuqala umhla wezonka ezingenagwele, xa bekubingelelwa imvana yepasika, bathi kuye abafundi bakhe, Unga singaya kulungisa phi na, ukuze uyidle ipasika? 13Ususa babini kubafundi bakhe, athi kubo, Hambani niye kuwo umzi; nohlangatyezwa ngumntu ethwele umphanda wamanzi; mlandeleni. 14Xa athe angena, nothi kumninindlu, Uthi uMfundisi, Liphi na igumbi labahambi, apho ndingadlela khona ipasika nabafundi bam? 15Yena wonibonisa igumbi eliphezulu, elikhulu, landlelwe lalungiswa; silungiseleleni apho. 16Baphuma abafundi bakhe abo baya kungena kuwo umzi, bafumana kunjengoko wayebaxelele, bayilungisa ipasika. 17Kwathi kwakuhlwa, eze nabalishumi elinababini. 18Bakubon’ ukuba bahleli, bayadla, wathi uYesu, Inene, ndithi kuni, omnye kuni aba uya kundingcatsha, lowo ke udla nam. 19Baqala ke ukuba buhlungu, nokuthi kuye ngabanye, Ingaba ndim, yini na? Wathi omnye, Ingaba ndim na? 20Uphendule ke wathi kubo, Ngomnye kwabeshumi elinababini, lowo ke uthi nkxu nam esityeni. 21uNyana woMntu uyemka okunene, njengoko kubhalwe ngaye; yeha ke, loo mntu uNyana woMntu angcatshwa nguye! Ngekumlungele ukuba ebengazalwanga loo mntu. 22Bakubon’ ukuba bayadla, uYesu wasithabatha isonka, wathi akusikelela, waqhekeza, wabanika, wathi, Thabathani nidle; ngumzimba wam lo. 23Wayithabatha nendebe, wabulela, wabanika; basela kuyo bonke. 24Wathi kubo, Ligazi lam eli lomnqophiso omtsha, eliphalala ngenxa yabaninzi. 25Inene ndithi kuni, Andisayi kubuya ndisele esiqhameni somdiliya, kude kube yiloo mini sukuba ndisisela sisitsha ebukumkanini bukaThixo. 26Bakuba bevume ingoma yokubonga, baphuma baya eNtabeni yemiNquma. 27Athi kubo uYesu, Nonke niya kukhubeka ngam ngobu busuku; ngokuba kubhaliwe kwathiwa, Ndiya kubetha kumalusi, zichithwachithwe izimvu. 28Ke emveni kokuvuka kwam, ndiya kunandulela, ndiye kwelaseGalili. 29Wathi ke uPetros kuye, Nokuba baya kukhubeka bonke, mna nakanye. 30Athi uYesu kuye, Inene ndithi kuwe, namhlanje, kwangobu busuku, ingekalili kabini inkuku, uya kundikhanyela kathathu. 31Kwaba kukhona wathetha wancamisa, esithi, Ndingafanelana ndimelwe kukufa nawe, andingekhe ndikukhanyele. Kwangokunjalo batsho nabo bonke. 32Bafika kumhlatyana ogama liyiGetsemane. Athi kubafundi bakhe, Hlalani phantsi apha, ndikhe ndithandaze; 33Wathabatha uPetros noYakobi noYohane, waqala ukuba buhlungu nokudandatheka kakhulu. 34Athi kubo, Umphefumlo wam ubuhlungu kakhulu, ngokokude ube sekufeni; hlalani apha nilinde. 35Ehambele phambili umganyana, wawa emhlabeni, wathandazela, ukuba kunokwenzeka, lidlule kuye ilixa elo. 36Wayesithi, Abha, Bawo, zonke izinto zinokwenzeka kuwe; yigqithise kum le ndebe; noko ke makungabi kokuthandwa ndim, makube kokuthandwa nguwe. 37Uyeza, abafumane belele; athi kuPetros, Simon, ulele na? Ubungenakulinda na nelixa libe linye? 38Lindani nithandaze, ukuze ningangeni ekuhendweni; umoya okunene unentumekelelo, ke yona inyama ithambile. 39Wabuya wemka wathandaza, ethetha kwalona elo lizwi. 40Uthe akubuya wabafumana bebuye balala, kuba amehlo abo ayenzima bubuthongo; baye bengazi into abangamphendula yona. 41Ubuye okwesithathu, athi kubo, Lalani ngoku niphumle. Kwanele, ilixa lifikile; yabonani, uNyana woMntu uyanikelwa ezandleni zaboni. 42Vukani, sihambe; yabonani, lowo undingcatshayo usondele. 43Kwaoko, esathetha, uthi qatha uYuda, owayengoweshumi elinababini, enendimbane enkulu, inamakrele neentonga, isuka kubo ababingeleli abakhulu, nakubabhali, nakuwo amadoda amakhulu. 44Ke kaloku lowo umngcatshayo ubebanike umqondiso, esithi, Endithe ndamanga, nguye; mbambeni, nimrhole nimnqandile. 45Efikile, uye kuye kwaoko, athi, Rabhi, Rabhi; wamanga. 46Baza bamsa izandla, bambamba. 47Uthe ke omnye kwababemi khona, warhola ikrele, wamxabela umkhonzi wombingeleli omkhulu, wamnqamla indlebe. 48Waphendula uYesu wathi kubo, Niphumele ukuza kubamba mna na, ninamakrele neentonga nje, nanga niphumele isihange? 49Bendinani imihla ngemihla etempileni ndifundisa, anandibamba; kodwa kunje, ukuze zizaliseke izibhalo. 50Bamshiya ke bonke, babaleka. 51Walandelwa yindodana ethile, ithe yambu ilinen entle emzimbeni; abafana bambamba. 52Ithe yayilahla ilinen entle leyo, yabaleka kubo ize. 53Bamrholela uYesu kumbingeleli omkhulu, bahlanganisana kuye bonke ababingeleli abakhulu, namadoda amakhulu, nababhali. 54Waza uPetros wamlandela, ebekele kude, wada waya ngaphakathi entendelezweni yendlu yombingeleli omkhulu; waye ehleli phantsi ndawonye namadindala, esotha umlilo. 55Baye ke ababingeleli abakhulu, nayo intlanganiso yamatyala iphelele, befuna ubungqina ngaye uYesu bokuze bambulalise; akafumana nto. 56Kuba babebaninzi ababengqina ubuxoki ngaye, baye ubungqina babo bungayelelani. 57Besuka ke abathile, bengqina ubuxoki ngaye, besithi, 58Thina samva yena esithi, Mna ndiya kuyichitha le tempile yenziweyo ngezandla, ndize ngeentsuku ezintathu ndakhe enye engenziwe ngazandla. 59Baye bungayelelani kwangokunjalo nobabo ubungqina. 60Wesuka wema phakathi umbingeleli omkhulu, wambuza uYesu, esithi, Akuphenduli nento le na? bangqina ntoni na aba ngawe? 61Wahlala wathi tu, akaphendula. Wabuya umbingeleli omkhulu wambuza, wathi kuye, Unguye na uKristu, uNyana waLowo ungowokubongwa? 62Uthe ke uYesu, Ndinguye; niya kumbona nokumbona uNyana woMntu, ehleli ngasekunene kwamandla, esiza esemafini ezulu. 63Usuka ke umbingeleli omkhulu azikrazule iingubo zakhe, athi, Sisawafunelani na amangqina? 64Nikuvile ukunyelisa; nithini na nina? Bamgweba ke bonke ukuba unetyala lokuba afe. 65Yaqala inxenye ukumtshicela, nokumgqubuthela ubuso, nokumntlitha, nokuthi kuye, Profeta; aza amadindala ammbetha. 66Kuthi, akubon’ ukuba uPetros usentendelezweni ezantsi, kweza esinye sezicakazana zombingeleli omkhulu. 67Ithi yakumbona uPetros esotha, yamjonga, yathi, Nawe ubunaye uYesu waseNazarete. 68Wakhanyela ke esithi, Andiyazi, andiyiqondi kanye into oyithethayo wena. Waphuma waya evarandeni; yalila inkuku. 69Waphinda umkhonzazana wambona, waqala ukuthi kwababemi khona, Lo ngowakubo. 70Waphinda wakhanyela. Kwakuba mzuzwana, babuya abo babemi khona bathi kuPetros, Inyaniso, ungowabo; kuba ungowaseGalili, nokuthetha kwakho kuyafana nokwabo. 71Waqala ke ukushwabula nokufunga, esithi, Andimazi loo mntu nimthethayo. 72Yalila okwesibini inkuku. Walikhumbula ke uPetros ilizwi, abelithethile uYesu kuye, lokuthi, Ingekalili kabini inkuku, uya kundikhanyela kathathu. Wathi akucinga, walila.
Currently Selected:
uMarko uMarko 14: CXB24
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.

: