KwabaseFilipi KwabaseFilipi 2
KwabaseFilipi 2
1Ukuba ngoko kukho intuthuzelo kuKristu, ukuba kukho intuthuzelo yothando, ukuba kukho ubudlelane boMoya, ukuba kukho imfesane neemfefe, 2Luzaliseni uvuyo lwam, ukuze nicinge nto-nye, ninaluthando lunye, ninamphefumlo mnye, nicinga nto-nye. 3Ningenzi nanye into ngokweyelenqe, nangokozuko olulambathayo. Yithini ngokuthobeka kwentliziyo omnye ambalele omnye ekuthini nguyena wongamileyo kunaye. 4Elowo makaxunele kwezakhe izinto zodwa, elowo makaxunele nakwezabanye. 5Yibani nale ngcinga kuni, wayenayo kuye uKristu Yesu; 6Owathi, esebumeni bukaThixo, akathi ukulingana noThixo akukuphanga; 7usuke wazenzisa, wathabatha ubume bomkhonzi, wenziwa wafana nabantu; 8wathi ngemo efunyenwe enjengomntu, wazithoba, waba ngolulamileyo, wada wesa ekufeni, ukufa ke kwasemnqamlezweni. 9Kungoko athe uThixo wamphakamisa kakhulu, wamnika igama elingaphezu kwawo onke amagama; 10ukuze ngegama likaYesu onke amadolo agobe, awabasemazulwini, nawabasemhlabeni, nawabaphantsi komhlaba; 11zithi zonke iilwimi zixele ukuba uYesu Kristu uyiNkosi, kuze kuzukiswe uThixo uYise. 12Ngoko ke, zintanda zam, njengokuba nahlala ninokuva, lusebenzeni nilufeze olwenu usindiso, ninokuzoyikela nokungcangcazela; 13Kuba nguThixo okusebenzayo Ngaphakathi kwenu ukuthanda oko, kwanokusebenza oko, ngenxa yenkolelo yakhe. 14Yenzani zonke izinto ngaphandle kokumbombozela nokuxambulisana, 15ukuze nibe ngabantwana bakaThixo abangenakusoleka, abangenatyala phakathi kohlanga olujijekileyo, olugwenxa, enikhanya phakathi kwalo njengezikhanyiso ehlabathini. 16Nibambelele elizwini lobomi; nibe liqhayiya lam, nide nise kwimini kaKristu, ukuba andifumananga ndabaleka, kanjalo andifumananga ndabulaleka. 17Ewe, nokuba ndiyathululwa ngokomnikelo phezu kombingelelo nombuso wokholo lwenu, ndiyavuya, ndivuyisana nani nonke. 18Yithini ke ngokoko nani nivuye, nivuyisane nam. 19Ke kaloku ndithembele eNkosini uYesu, ukuba ndonithumela uTimoti kamsinya, ukuze nam ndonwabe, ndakuzazi iindawo ezingani. 20Kuba andinamntu wumbi, umphefumlo uvana nowam, owothi ayikhathalele ngokwenyaniso imicimbi engani. 21Kuba bonke bafuna ezabo izinto, zingezizo ezikaYesu Kristu. 22Ukucikideka ke kwakhe niyakwazi: ukuba wathi, njengomntwana kuyise, wakhonza kunye nam kuzo iindaba ezilungileyo. 23Lowo ke ngoko ndithembe ukumthuma kwaoko, xa ndithe ndayiqonda imicimbi engam. 24Ke ndithembele eNkosini, ukuba nam ngokwam ndoza kamsinya. 25Kodwa ke ndibe kuyafuneka ukuba ndinithumele uEpafrodito, umzalwana wam osebenza nam, umphumi-mkhosi nam, umthunywa wenu ke, umlungiseleli wam kwiintswelo zam; 26ekubeni ke ebenilangazelela nina nonke, edandatheka, ngenxa enokuba nevayo ukuba wayesifa. 27Kuba okunene wayesifa, ephantse ukufa. Ke uThixo wamenzela inceba; akenzela yena yedwa, wenzela nam lo, ukuze ndingabi buhlungu, ndibuhlungu kade. 28Kukhona ngoko ndimthuma ngokukhawuleza, ukuze nithi nakumbona nibuye nivuye, kuthi nokwam ukuba buhlungu kudambe. 29Mamkeleni ke ngokwaseNkosini, ninovuyo lonke; nibabeke abanjalo. 30Kaloku, ngenxa yomsebenzi kaKristu, wada waphantsa ukufa, engabucongi ubomi bakhe, ukuze enzelelele ukusilela kwenu ekundilungiseleleni.
Currently Selected:
KwabaseFilipi KwabaseFilipi 2: CXB24
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.

: