IsiThyilelo IsiThyilelo 1

IsiThyilelo 1
1Isityhilelo sikaYesu Kristu, awamnika sona uThixo, ukuba ababonise abakhonzi bakhe izinto ezimele ukubakho kamsinya; waqondisa wathumela ngaso isithunywa sakhe sasemazulwini kumkhonzi wakhe uYohane, 2owalingqinelayo ilizwi likaThixo nobungqina bukaYesu Kristu, kwaneento zonke awazibonayo. 3Unoyolo lowo uwalesayo, kwanabo bawevayo amazwi aso isiprofeto esi, bazigcine izinto ezibhaliweyo kuso; kuba ixesha likufuphi. 4uYohane ubhalela amabandla asixhenxe akwelaseAsiya; uthi, Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kulowo ukhoyo, wayekho, uzayo; nakubo ooMoya abasixhenxe abaphambi kwetrone yakhe; 5nakuYesu Kristu, olingqina elithembekileyo, Owamazibulo kubo abafileyo, uMphathi wookumkani bomhlaba. Kuye lowo wasithandayo, owasihlambayo ezonweni zethu ngegazi lakhe; 6Wasenza ookumkani nababingeleli kuye uThixo uYise; kuye makubekho uzuko namandla, kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen. 7Yabonani, esiza namafu; aye eya kumbona amehlo onke, kwanabo bamhlabayo; zaye ziya kummbambazelela zonke izizwe zomhlaba. Ewe kunjalo, Amen. 8Mna ndinguAlfa no-Omega, isiqalo nesiphelo, itsho iNkosi, leyo ikhoyo, yayikho, izayo, uSomandla. 9Mna Yohane, endikwangumzalwana wenu, nedlelane nani ngayo imbandezelo, nangabo ubukumkani, nangonyamezelo lukaYesu Kristu, ndaye ndisesiqithini ekuthiwa yiPatmos, ngenxa yelizwi likaThixo, nangenxa yobungqina bukaYesu Kristu. 10Ndaye ndikuMoya ngemini eyeyeNkosi; ndeva emva kwam izwi elikhulu, ngathi lelexilongo, 11esithi, Mna ndinguAlfa no-Omega, owokuqala nowokugqibela; nokuthi, Okubonileyo, kubhale encwadini, ukuthumele kuwo amabandla asixhenxe akwelaseAsiya; e-Efese, eSmirna, ePergamo, naseTiyatira, naseSardesi, eFiladelfi, naseLawodike. 12Ndaza ndee guququ, ukuba ndilibone ilizwi elo belithetha nam. Ndithe guququ, ndabona iziphatho zezibane zegolide zisixhenxe; 13Naphakathi kweziphatho zosixhenxe ezo, ofana noNyana woMntu, ambethe ingubo efike ezinyaweni, ebhinqe emabeleni umbhinqo wegolide. 14Intloko yakhe ke neenwele zimhlophe, njengoboya bezimvu obumhlophe njengekhephu; amehlo akhe enjengelangatye lomlilo; 15iinyawo zakhe zifana nobhedu olubengezelayo, zingathi zivuthiswe eziko; nelizwi lakhe ngathi sisandi samanzi amaninzi. 16Waye eneenkwenkwezi ezisixhenxe esandleni sakhe sokunene, emlonyeni wakhe kuphuma ikrele elibukhali, elintlangothi mbini; ubuso bakhe bungathi lilanga, likhanya ngamandla alo. 17Ndithe ndakumbona, ndasuka ndawa ezinyaweni zakhe, ndaba njengofileyo. Waza wabeka isandla sakhe sokunene phezu kwam, esithi kum, Musa ukoyika; ndingowokuqala nowokugqibela; 18Ndingulowo udla ubomi, ndaza ndafa; yabona, ndingodla ubomi kuse emaphakadeni asemaphakadeni, Amen; Ndinezitshixo zelabafileyo nezokufa. 19Zibhale izinto ozibonileyo, nezikhoyo, kwaneziya kubakho emva kwezo. 20Imfihlakalo yeenkwenkwezi ezisixhenxe ozibonileyo esandleni sam sokunene, neziphatho zezibane zosixhenxe zegolide; Iinkwenkwezi ezo zisixhenxe zizithunywa zawo amabandla asixhenxe;

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena