IsiThyilelo IsiThyilelo 17

IsiThyilelo 17
1Saza seza esinye sezithunywa zezulu ezisixhenxe, ezineengqayi zosixhenxe, sathetha nam, sisithi kum, Yiza apha, ndikubonise ukugwetywa kwalo ihenyukazi elikhulu; Ndiya kukubonisa ukugwetywa kwehenyukazi elikhulu, elihleli phezu kwamanzi amaninzi; 2abahenyuze nalo ookumkani bomhlaba, bathi abo bawumiyo umhlaba banxiliswe yiwayini yobuhenyu balo. 3Sandisa entlango ndikuMoya; ndabona inkazana ihleli phezu kwerhamncwa elimfusa, lizele ngamagama onyeliso, lineentloko ezisixhenxe neempondo ezilishumi. 4Yaye inkazana leyo ithiwe wambu ngengubo emfusa nemfusa, ihonjiswe ngegolide, namatye anqabileyo, neeperile, inendebe yegolide esandleni sayo, izele ngamasikizi nezingcoliso zobuhenyu bayo. 5Ebunzi kubhalwe igama elithi, IMFIHLO, IBHABHILONI ENKULU, UNINA WAMAhenyukazi nowamasikizi omhlaba. 6Ndayibona inkazana leyo inxila ligazi labangcwele, naligazi lamangqina kaYesu; ndamangaliswa ngokumangaliswa okukhulu ndakuyibona. 7Sathi kum isithunywa eso, Yini na ukuba wamangaliswe? Ndokuxelela mna imfihlelo yenkazana le, neyerhamncwa eli liyithweleyo, lineentloko ezisixhenxe neempondo ezilishumi. 8Irhamncwa owalibonayo lalikho, alikho; Liya kunyuka liphume enzonzobileni, liye entshabalalweni; baya kumangaliswa abo bemiyo phezu komhlaba, abamagama angabhalwanga encwadini yobomi kususela ekusekweni kwehlabathi, xa balibonayo irhamncwa elaye likho, lisithi, akakho, ukanti ukho. 9Nantsi ingqiqo enobulumko. Iintloko ezisixhenxe ezi ziintaba ezisixhenxe, ehleli phezu kwazo inkazana leyo. 10Kananjalo zona zingookumkani abasixhenxe: abahlanu bawile, omnye ukho, omnye akakafiki; athi ke akufika, athabathe ixesha elifutshane. 11Irhamncwa elaye likho, elingasekhoyo, lona lingowesibhozo, ukwangowabasixhenxe, liye entshabalalweni. 12Iimpondo ezilishumi ozibonileyo zingookumkani abalishumi, bona abo bangekabi nabukumkani. 11 R kodwa ke bamkela igunya njengookumkani ilixa elinye kunye nerhamncwa. 13Aba banambono-nye; baya kunikela amandla negunya labo kulo irhamncwa. 14Aba baya kwenza imfazwe neMvana. iMvana iya kubeyisa, ngokuba inguNkosi kankosi, inguKumkani kakumkani; nabo banayo babiziweyo, banyuliwe, bathembekileyo. 15Sathi kum, Amanzi lawa manzi uwabonileyo, apho lihleli khona ihenyukazi, ngabantu, nezihlwele, neentlanga, neelwimi. 16Iimpondo ezilishumi owazibonayo phezu kwerhamncwa, ngabo baya kulithiya ihenyukazi, baliphanzise, balihlube, bayidle inyama yalo, balitshise ngomlilo. 17Kuba uThixo ubeke ezintliziyweni zabo ukuba benze ingcinga yakhe, benze ngcinga-nye, babunike irhamncwa ubukumkani babo, ade azaliseke amazwi kaThixo. 18Inkazana owayibonayo nguloo mzi mkhulu, ulawula ookumkani bomhlaba.

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena