IsiThyilelo IsiThyilelo 21
IsiThyilelo 21
1Ndabona izulu elitsha, nomhlaba omtsha; kuba elokuqala izulu nowokuqala umhlaba udlule, nolwandle alusekho, akwaba sabakho lwandle. 2Ndaza mna, Yohane, ndawubona umzi ongcwele, iYerusalem entsha, usihla uphuma kuThixo, uphuma emazulwini, ulungisiwe njengomtshakazi ehonjiselwe indoda yakhe. 3Ndeva izwi elikhulu liphuma emazulwini, lisithi, Yabona, umnquba lo kaThixo unabantu; uya kuhlala nabo emnqubeni, bona babe ngabantu bakhe, yena uThixo abe nabo, enguThixo wabo. 4Azisule uThixo zonke iinyembezi emehlweni abo; kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho nasijwili, nakukhala, nantlungu; ngokuba izinto zokuqala zigqithile. 5Waza lowo uhleli phezu kwetrone wathi, Uyabona, izinto zonke ndizenza ntsha. Wathi kum, Bhala; ngokuba la mazwi ayinyaniso, athembekileyo. 6Wathi kum, Kwenzekile. Mna ndinguAlfa no-Omega, isiqalo nesiphelo; mna ndomnika lowo unxaniweyo emthonjeni wamanzi obomi, ngesisa. 7Lowo weyisayo uya kuzidla ilifa izinto zonke; kwaye ndiya kuba nguThixo wakhe, yena abe ngunyana wam. 8Ke wona amagwala, nabangakholwayo, nabangamasikizi, nababulali, nabenzi bombulo, nabakhafuli, nabakhonzi bezithixo, nawo onke amaxoki, isabelo sawo siya kuba sedikeni elivutha umlilo nesulfure. Oko kukufa kwesibini. 9Saza seza kum esinye sezithunywa zezulu ezisixhenxe, ezineengqayi ezisixhenxe, ezizele zizibetho zosixhenxe zokugqibela, sathetha nam sisithi, Yiza apha, ndikubonise umtshakazi, umfazi wayo iMvana. 10Sandisa ndikuMoya entabeni enkulu, ephakamileyo, sandibonisa umzi omkhulu, iYerusalem engcwele, usihla uphuma emazulwini, uvela kuThixo; 11Isikhanyiso sawo sifana nelitye elinqabileyo kakhulu, langa leyaspisi ebengezela njengekristale. 12Unodonga olukhulu oluphakamileyo, unamasango alishumi elinamabini, phezu kwamasango unezithunywa zezulu ezilishumi elinazibini, kubhalwe kuwo amagama angawezizwe ezilishumi elinazibini zoonyana bakaSirayeli. 13Ngasempumalanga kukho amasango amathathu; ngasentla ngamasango mathathu; ngasezantsi ngamasango mathathu; ngasentshonalanga ingamasango mathathu. 14Udonga lomzi lunamatye eziseko alishumi elinamabini, kuwo ingamagama abapostile abalishumi elinababini bayo iMvana. 15Lowo ubethetha nam wayenengcongolo yegolide, ukuba awulinganise umzi lowo, namasango awo, nodonga lwawo. 16Isixeko eso sasinamacala amane ambombo-ne, ubude bungangobubanzi bawo. Wawulinganisa umzi lowo ngengcongolo, wazitadiya ezilishumi elinesibini lamawaka; ubude nobubanzi nokuphakama kwawo kuyalingana. 17Walulinganisa nodonga lwaso, ikhulu elinamanci mane anesine leekubhite, ngokomlinganiso womntu, oko kukuthi, owengelosi. 18Isakhiwo sodonga lwaso yiyaspisi; umzi ke yigolide engcwengekileyo, efana negilasi ebonakalelayo; 19Namatye eziseko zodonga lomzi ayevathiswe ngamatye anqabileyo onke. Isiseko sokuqala yiyaspisi; eyesibini yisafire; eyesithathu yaba yikalkedoni; esesine yiemeraldi; 20Eyesihlanu ibiyisardoniki; eyesithandathu ibiyisardiyo; eyesixhenxe yikrizolite; elesibhozo libe yikrizoli; elesithoba yitopazi; eleshumi yikrisopraso; eleshumi elinanye libe yihakinto; eleshumi elinesibini yiametiste. 21Namasango lawo alishumi elinamabini aziiperile ezilishumi elinambini; isango ngalinye lenziwe ngaperile-nye; nesitrato somzi yigolide engcwengekileyo, njengegilasi ebonakalelayo. 22Andibonanga tempile kuwo, kuba iNkosi uThixo uSomandla nayo iMvana yitempile yawo. 23Ke umzi lowo awufuni langa, kwanayo inyanga, kuba ubuqaqawuli bukaThixo buwukhanyisela, nayo iMvana isisibane sawo. 24Iintlanga zabo basindiswayo ziya kuhamba ekukhanyeni kwawo; ookumkani bomhlaba bazise kuwo uzuko nembeko yabo. 25Amasango awo akasayi kuvalwa mini kwaphela, kuba ubusuku abuyi kubakho khona. 26Baya kuzisa uzuko nembeko yeentlanga ezo kuwo. 27Akuyi kungena kuwo nanye into eyenza inqambi, eyenza isikizi, nobuxoki; abaya kungena ngabo bodwa babhaliweyo encwadini yobomi yeMvana.
Currently Selected:
IsiThyilelo IsiThyilelo 21: CXB24
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.

: