IsiThyilelo IsiThyilelo 6
IsiThyilelo 6
1Ndabona, xa iMvana yalivulayo elinye lamatywina, ndeva enye kuzo izinto eziphilileyo zone, isithi, ngathi kungesandi sokududuma, Yiza ubone. 2Ndabona, nalo ihashe elimhlophe, lowo wayehleli phezu kwalo enesaphetha; wanikwa isithsaba, waphuma eseyisa, nokuze eyise. 3Xa yalivulayo elesibini itywina, ndeva eyesibini into ephilileyo isithi, Yiza ubone. 4Kwaphuma elinye ihashe elibomvu; lowo wayehleli phezu kwalo wanikwa igunya lokulususa uxolo emhlabeni, nokuba babulalane, wanikwa ikrele elikhulu. 5Xa yalivulayo elesithathu itywina, ndeva eyesithathu into ephilileyo isithi, Yiza ubone. Ndabona, nalo ihashe elimnyama; lowo ke wayehleli phezu kwalo wayenesikali esandleni sakhe. 6Ndaza ndeva izwi esazulwini sezinto eziphilileyo zone, lisithi, Ibhekile yengqolowa iya kudla idenariyo, neebhekile ezintathu zerhasi zidle idenariyo; ioli newayini uze ungayoni. 7Xa yalivulayo elesine itywina, ndeva izwi lento ephilileyo yesine lisithi, Yiza ubone. 8Ndabona, nalo ihashe eliluthuthu; lowo ke wayehleli phezu kwalo enguKufa, nelabafileyo lilandela naye. Banikwa igunya lokubulala kwisahlulo sesine somhlaba ngekrele, nangendlala, nangokufa, nangawo amarhamncwa omhlaba. 9Xa yalivulayo elesihlanu itywina, ndabona phantsi kwesibingelelo imiphefumlo yababuleweyo ngenxa yelizwi likaThixo, nangenxa yobungqina ababenabo. 10Baye bedanduluka ngezwi elikhulu, besithi, Koda kube nini na, Nkosi engcwele, oyinyaniso, ungagwebi, ungaliphindezeleli igazi lethu kwabo bemiyo phezu komhlaba? 11Banikwa bonke ngabanye iingubo ezinde ezimhlophe; kwathiwa kubo, basaya kuphumla ixesha elincinane, bade bazaliseke nabakhonza kunye nabo, nabazalwana babo, abaza kubulawa kwanjengabo. 12Ndabona, xa yalivulayo elesithandathu itywina, kwasuka kwabakho unyikimo lomhlaba olukhulu; Ilanga laba mnyama, njengengubo erhwexayo yoboya, nenyanga yaba njengegazi; 13Zathi iinkwenkwezi zezulu zawela emhlabeni, njengokuba umkhiwane uvuthulula amakhiwane awo avuthuzayo, wakuzanyazanyiswa ngumoya omkhulu. 14Lathi izulu lemka, njengencwadi esongwayo; zathi zonke iintaba neziqithi zashenxiswa ezindaweni zazo. 15Ke bona ookumkani bomhlaba, nezinhanha, nezityebi, nabaphathi-mikhosi, nabanamandla, nabakhonzi bonke, nabakhululekileyo, bazifihla emiqolombeni nasemaweni eentaba. 16Bathi kwiintaba namawa, Siweleni, nisifihle ebusweni balowo uhleli phezu kwetrone, nasengqumbo yeMvana. 17Ngokuba ufikile umhla omkhulu wengqumbo yayo; ngubani na ke onako ukuma?
Currently Selected:
IsiThyilelo IsiThyilelo 6: CXB24
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.

: