IsiThyilelo IsiThyilelo 9

IsiThyilelo 9
1Sathi esesihlanu isithunywa savuthela ixilongo. Ndabona inkwenkwezi iphuma ezulwini, isiwa emhlabeni, yaza yanikwa isitshixo senzonzobila. 2Walivula enzonzobileni; kwenyuka umsi emhadini, njengomsi weziko leziko elikhulu; lesuka laba mnyama ilanga nezulu ngumsi womhadi. 3Emsini apho kwaphuma iinkumbi, zeza emhlabeni, zanikwa igunya, njengokuba benegunya oonomadudwane bomhlaba. 4Waziwisela umthetho wokuba zingoni utyani bomhlaba, nanye into eluhlaza, nanye imithi; kodwa ngamadoda kuphela, angenalo itywina likaThixo emabunzini abo. 5Zanikwa igunya lokungababulali, kodwa bathuthunjelwe iinyanga ezintlanu; intuthumbo yabo yayinjengentuthumbo yoonomadudwane, xa athe wamhlaba umntu. 6Ngaloo mihla abantu baya kukufuna ukufa, bangakufumani; baya kukunqwenela ukufa, kusuke ukufa kusabe kubo. 7Imo yeenkumbi ezo, ibifana namahashe, elungiselwe ukulwa; entloko izizithsaba ezifana negolide, nobuso bazo bunjengobuso babantu. 8Zaye zineenwele ezingathi ziinwele zabafazi, namazinyo azo engathi ngawengonyama. 9Zaye zinezigcina-zifuba ezingathi zezentsimbi; isandi samaphiko azo sasingathi sisandi seenqwelo zamahashe amaninzi, ebalekela emfazweni. 10Zaye zinemisila efana neyoonomadudwane, ineemvila emisileni yazo, yaye igunya lazo lilelokwenzakalisa abantu iinyanga ezintlanu. 11Zaye zinokumkani phezu kwazo, usisithunywa senzonzobila, ogama ngesiHebhere linguAbhadon, kodwa ngesiGrike unegama elinguApoliyon. 12Yeha mnye udlule; yabona, kuza ooyeha ababini emva koko. 13Sathi esesithandathu isithunywa savuthela ixilongo, ndeva izwi liphuma ezimpondweni zone zesibingelelo segolide, esiphambi koThixo, 14lisithi kwisithunywa sesithandathu, esinexilongo, Zikhulule izithunywa zezulu ezine, ezibotshwe emlanjeni omkhulu ongumEfrati. 15Zaza zakhululwa izithunywa zozine, ezazilungiselwe ilixa, nemini, nenyanga, nomnyaka, ukuba zibulale isahlulo sesithathu sabantu. 16Inani lempi yabamahashe lalingamakhulu amabini amawaka; ndaliva ke inani labo. 17Kwaye ngokunjalo ndawabona embonweni amahashe, nabahleli phezu kwawo, benezigcina-zifuba ezivuthayo, ezibomvu, nezesalfure, neentloko zamahashe zazingathi ziintloko zeengonyama; emlonyeni wawo kuphuma umlilo, nomsi, nesulfure. 18Ngezo zinto zontathu sabulawa isahlulo sesithathu sabantu ngomlilo, nangomsi, nangesulfure, ephuma emlonyeni wawo. 19Kuba amandla awo asemlonyeni wawo nasemisileni yawo; kuba imisila yawo ifana neenyoka, ineentloko; ngayo ayonakalisa. 20Nabanye abantu ababengabulawanga ngezi zibetho abaguqukanga kwimisebenzi yezandla zabo, ukuba bangazinquli iidemon, nezithixo zegolide, nezesilivere, nezobhedu, nezelitye, nezemithi; akaboni, angeva, angahambi; 21abaguqukanga ekubulaleni kwabo, nasekukhafuleni kwabo, nasembulweni wabo, nakubusela bawo.

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena