KwabaseRoma KwabaseRoma 7
KwabaseRoma 7
1Anazi na, bazalwana (kuba ndithetha kwabawaziyo umthetho), ukuba umthetho umphatha ngobukhosi umntu ngexesha lonke adla ubomi ngalo? 2Kuba umfazi owendileyo, ubotshiwe ngumthetho endodeni yakhe, lo gama idla ubomi; ke ukuba ithe yafa indoda, ukhululekile kuwo umthetho wendoda. 3Ngoko ke, ukuba uthe waba kuyimbi indoda, yakubon’ ukuba indoda yakhe isadla ubomi, kothiwa ngumkrexezikazi, ukuba angabi mkrexezikazi, ethe waba kuyimbi indoda. 4Ngoko ke, bazalwana bam, nani n’abulawa nafa kuwo umthetho ngawo umzimba kaKristu; ukuze nibe kuwumbi, kulowo ke uvukileyo kwabafileyo, ukuze sixakathe isiqhamo kuThixo thina. 5Kuba oko besikwinyama, ukuthabatheka zizono, okube kuxhokonxwa ngawo umthetho, kwakusebenza emalungwini ethu ekuxakatha isiqhamo esisa ekufeni. 6Ke ngoku sikhululwe thina kuwo umthetho, safayo nje kwesasibanjwe kuko, ukuze sikhonze sinobutsha bomoya, singakhonzi sinobudala bomthetho obhaliweyo. 7Sithini na ke ngoko? Umthetho usisono na? Makube lee oko. Ke ngendingasazanga isono, bekungekabikho emthethweni; kuba nenkanuko ngendingayazanga, ukuba umthetho ubungatshongo ukuthi, Uze ungakhanuki. 8Isono ke sizuze ithuba ngawo umthetho, sasebenza ngaphakathi kwam yonke inkanuko; kuba, kungekho mthetho, isono sifile. 9Mna ke bendifudula ndiphilile, ungekho umthetho; uthe ke wakufika umthetho, sabuya saphila isono, ndafa ke mna; 10waza umthetho obumiselwe ukusa ebomini, ndawufumana usingisa ekufeni. 11Kuba isono, sizuze ithuba ngawo umthetho, sandilukuhla, saza ngawo sandibulala. 12Ngoko ke umyalelo okunene ungcwele; nomthetho ungcwele, unobulungisa, ulungile. 13Oko ke kulungileyo kwaba kukufa na ke kum? Makube lee oko. Isono ke, ukuze sibonakale sisisono, sisebenza ukufa kum ngako oko kulungileyo; ukuze isono ngawo umthetho sibe sisono ngokuncamisileyo. 14Siyazi ke ukuba umthetho ungowomoya; ke mna ndingowenyama; kuthengiswe ngam, ndaba phantsi kwesono. 15Kuba oko ndikwenzayo andikwazi mna; kuba endikuthandayo, oko andikwenzi; kodwa endikuthiyayo, oko ndiyakwenza. 16Ukuba ke endingakuthandiyo ndenza khona oko, ndivumelana nomthetho ukuba mhle. 17Ngoko ke ayisendim osebenza oko, seyisisono esi simiyo ngaphakathi kwam. 18Kuba ndiyazi ukuba ngaphakathi kwam, oko kukuthi enyameni yam, akumi okulungileyo; kuba ukuthanda kukho ukubakho oku kum; ke kona ukwenza okulungileyo andikufumani. 19Kuba okulungileyo endikuthandayo, andikwenzi; khona okubi, endingakuthandiyo, oko ndiyakwenza. 20Ukuba ke endingakuthandiyo ukwenza oko, ayisendim okwenzayo oko, seyisisono esi simiyo ngaphakathi kwam. 21Ndifumana ngoko lo mthetho kum, wokuba kuthi, ndifuna ukwenza okulungileyo, kusuke kubekho okubi kum. 22Kuba ndikholene nomthetho kaThixo ngokomntu ongaphakathi; 23Kodwa ndibona mthetho wumbi, emalungwini am, usilwa nomthetho wengqiqo yam, undithimbela emthethweni wesono, lowo usemalungwini am. 24Athi ke mna, mntu uludwayi! Ngubani na oya kundihlangula kulo mzimba woku kufa? 25Ndiyambulela uThixo ngoYesu Krestu iNkosi yethu. Ngoko ke mna ngokwam ngayo ingqiqo okunene ndikhonza umthetho kaThixo; kodwa ngayo inyama umthetho wesono.
Currently Selected:
KwabaseRoma KwabaseRoma 7: CXB24
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.

: