KuTito KuTito 1
KuTito 1
1uPawulos, umkhonzi kathixo, umpostile ke kaYesu Kristu, ngokokholo lwabanyulwa bakaThixo, nokuyazi inyaniso engokokuhlonela uThixo; 2ngethemba lobomi obungunaphakade, awathi uThixo, ongenakuxoka, wabubeka idinga kwaphambi kwamaxesha aphakade; 3Walibonakalalisa ke ilizwi lakhe ngamaxesha amisiweyo, ngesigidimi endasiphathiswa mna, ngokomthetho kaThixo uMsindisi wethu; 4ubhalela uTito, umntwana wam wenene ngokwaselukholweni, esinobudlelane ngalo: Makube lubabalo, nenceba, noxolo oluvela kuThixo uYise, neNkosi yethu uYesu Kristu. 5Ndakushiya eKrete ngenxa yoku, ukuze uhambise ukuzilungisa izinto eziseleyo, umise amadoda amakhulu kwimizi ngemizi, njengoko ndakumisela ngako mna; 6ukuba umntu ungongenakumangaleleka, eyindoda yamfazi mnye enabantwana abakholiweyo, abangamiselwa tyala lakuzibhubhisa, abangaswele kuthobela mntu. 7Kuba umveleli umelwe kukuba ngongenakumangaleleka, njengegosa likaThixo; ungengazithandi, ucaphuka msinya; 8Umelwe kukuthi abe ngobuka iindwendwe, umthandi wokulungileyo, onesidima, olilungisa, ongcwele, ozingcayo; 9ebambelele ezwini elithembekileyo ngokwemfundiso, ukuze abe nako ukuvuselela ngayo imfundiso ephilileyo, nokubohlwaya badane abaphikayo. 10Kuba baninzi abathetha izinto ezingento, nabakhohlisayo, ngokukodwa abo bolwaluko; 11abamelwe kukuvingcwa imilomo; abathi izindlu ziphela bazibhukuqe, befundisa izinto ezingafanelekileyo ngenxa yenzuzo embi. 12Uthi omnye wabo, kwaumprofeti wakowabo, AmaKrete ahlala engamaxoki, amarhamncwa amabi, amarhamncwa axhwalekileyo. 13Obu bungqina buyinene. Ngenxa yoko bohlwaye kabukhali, badane, ukuze baphile elukholweni; 14banganyamekeli zintsomi zabuYuda, namithetho yabantu abayinikela umva inyaniso. 15Zonke izinto zihlambulukile kwabahlambulukileyo; kwabadyobhekileyo nabangakholwayo, akukho nto ihlambulukileyo; kusuke kwadyobheka nengqiqo nesazela sabo. 16Bayavuma ukuba bayamazi uThixo; kanti ngayo imisebenzi bayamkhanyela, bengamasikizi, bengabangevayo, nakumsebenzi wonke olungileyo bengenakucikideka.
Currently Selected:
KuTito KuTito 1: CXB24
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.

: