KuTito KuTito 3

KuTito 3
1Bakhumbuze ukuba bathobele oozilawuli noomagunya, bathobele abathetheli, bawulungele wonke umsebenzi olungileyo; 2Mabanganyelisi mntu, bangabi nakulwa, babe nokuthantamisa, bebonakala benobulali bonke kubantu bonke. 3Kaloku nathi besifudula sizizidenge, singeva, silahlekiswa, sikhonza iinkanuko neziyolo ngeenkanuko, siphila ebubini nasekhweleni, sithiyayo. 4Kwathi ke emva koko kwabonakala ububele nothando lukaThixo, uMsindisi wethu, kubantu; 5kungengamisebenzi yobulungisa esayenzayo thina, kungokwenceba yakhe, wasisindisa ngentlambululo yokuzalwa ngokutsha, nangokuhlaziya koMoya oyiNgcwele; 6Owasithululayo phezu kwethu ngokobutyebi, ngoYesu Kristu uMsindisi wethu; 7ukuze sithi, sigwetyelwe ngobabalo lwakhe, sibe ziindlalifa zobomi obungunaphakade ngokwethemba. 8Lithembekile ilizwi elo; nezo zinto ndinga ungaziqinisela, ukuze banyameke, benze imisebenzi emihle, abo bakholiweyo kuThixo. Ezo zinto zilungile, zinokubanceda abantu. 9Kodwa yona imibuzo yobudenge, nemilibo yokuzalwa, neenkani, nokulwa ngawo umthetho, zinxweme, kuba azincedi nganto, zililize. 10Umntu ongumahlukanisi emva kokululekwa kokuqala nokwesibini mmangale; 11usazi nje ukuba onjalo ugwenxeke kwaphela; uyona, ezigwebile ngokwakhe. 12Xa ndithe ndathuma kuwe uArtemas, nokuba nguTikiko, khawuleza uze kum eNikopoli; kuba ndigqibe kwelokuba ndobudlulisa ubusika khona apho. 13uZenas, umqondisi-mthetho, noApolos, baxhobisele indlela ngokunyameka, ukuze bangasweli nto. 14Kwanewethu ke masifunde ukuhlala sisenza imisebenzi emihle, siswele amandla, singabi ngabaswele isiqhamo. 15Bayakubulisa bonke abanam. Ndibulisele kwabasithandayo ngokwaselukholweni. Ubabalo malube nani nonke. Amen. (Yabhalelwa uTito, owamiselwa ukuba abe ngubhishophu wokuqala webandla lamaKrete, eNikopolis yaseMakedoni.)

Currently Selected:

KuTito KuTito 3: CXB24

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena