IZIKRONIKE I 10:13-14 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo
IZIKRONIKE I 10:13-14 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wafa ke uSawule ngokumeneza kwakhe, awameneza ngako kuYehova, ezwini likaYehova angaligcinanga; kwanangokubuzisa kwakhe koneshologu, ngokuquqela kuye, akaquqela kuYehova; wambulala ke, wabuguqulela ubukumkani kuDavide unyana kaYese.
IZIKRONIKE I 10:13-14 XHO96 (IBHAYIBHILE)
USawule lo ke wafa kuba esuke akathembeka *kuNdikhoyo. Akazange alithobele ilizwi likaNdikhoyo, wada waya kubuzisa nakoosiyazi, efuna isikhokelo, endaweni yokubuzisa kuNdikhoyo. Ngoko ke uNdikhoyo wambulala, waza umbuso lowo wawunikezela kuDavide unyana kaJese.
IZIKRONIKE I 10:13-14 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwa njalo wabuba u‐Saule ngesigqito sake wagqita ngaso ngakuye UYEHOVA, ngakulo ilizwi LIKAYEHOVA, elo abengaligcinanga; nangokuba wacebisana nomshologu, kuze kubuzwe kuwo; engabuzanga nje KUYEHOVA: wati ke ngoko wamfisa, nobukumkani wabuguqulela ku‐Davide unyana ka‐Jese.
IZIKRONIKE I 10:13-14 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)
Wafa ke uSawule ngenxa yokuvukela kwakhe uYehova, enxamnye nelizwi likaYehova angaligcinanga, nangenxa yokuba wacela icebiso kumntu onomoya owaziwayo owathi wambuza; Akamcela uYehova; wambulala ke, wabunika uDavide, unyana kaYese, ubukumkani.