IZIKRONIKE I 22:13 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo
IZIKRONIKE I 22:13 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ùya kwandula ukuba nempumelelo, xa uthe wakugcina ukuyenza imimiselo namasiko, awathi uYehova wamwisela uMoses umthetho ngawo ngenxa yamaSirayeli. Yomelela ukhaliphe; musa ukoyika, ungaqhiphuki umbilini.
Yabelana
IZIKRONIKE I 22 XHO75IZIKRONIKE I 22:13 XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ewe, uya kuba nempumelelo xa uthe wanenyameko wayinonophela imimiselo nemithetho leyo uNdikhoyo wayinikezela uSirayeli ngoMosis. Yomelela ukhaliphe; uze ungoyiki utyhafe!
Yabelana
IZIKRONIKE I 22 XHO96IZIKRONIKE I 22:13 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Oko uya kutamsanqeleka, nxa ulumkela ukwenza izimiselo nezigwebo, owati UYEHOVA wamyalela u‐Mosesi ngazo pezu kwo‐Sirayeli: yomelela, ukalipe; ungoyiki, ungatuswa nokutuswa.
Yabelana
IZIKRONIKE I 22 XHO1902AIZIKRONIKE I 22:13 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)
Uya kuphumelela apho, ukuba uthe wakugcina ukuyenza imithetho namasiko, awathi uYehova wamwisela uMoses umthetho ngawo ngenxa yamaSirayeli. Yomelela, ukhaliphe; musani ukoyika, musani ukoyika.
Yabelana
IZIKRONIKE I 22 CXB24