IZIKRONIKE I 28:20 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo
IZIKRONIKE I 28:20 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uDavide kuSolomon unyana wakhe, Yomelela ukhaliphe, wenze. Musa ukoyika, musa ukuqhiphuka umbilini; ngokuba uYehova uThixo, uThixo wam, unawe; akayi kukuyekela, akayi kukushiya, ude uwugqibe wonke umsebenzi wenkonzo yendlu kaYehova.
IZIKRONIKE I 28:20 XHO96 (IBHAYIBHILE)
UDavide ke uqhube wathi kunyana wakhe uSolomon: “Yomelela ukhaliphe, uwenze lo msebenzi. Uze ungakhe ube nayo idyudyu, utyhafe; kaloku uNdikhoyo uThixo onguThixo wam ungakuwe. Akasokuze akuyekele, okanye akulahle, ude ube uphumelele wonke lo msebenzi wokwakhiwa kwendlu yakhe.
IZIKRONIKE I 28:20 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati u‐Davide kanjalo ku‐Solomone unyana wake: Yomelela, ukalipe, wenze ke; ungoyiki, ungatuswa nokutuswa: ngokuba UYEHOVA ONGUTIXO, UTIXO wam, enawe; akayi kukuncama, akayi kukushiya, ude ugqibe wonke umsebenzi wenkonzo yayo indlu KAYEHOVA.
IZIKRONIKE I 28:20 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)
Wathi uDavide kuSolomon unyana wakhe, Yomelela, ukhaliphe, wenze musa ukoyika, musa ukoyika, ngokuba uYehova, uYehova, uThixo wam, unawe; akayi kuyishiya, akayi kubuya umva, ade awugqibe wonke umsebenzi wenkonzo yendlu kaYehova.