IZIKRONIKE I 29:11 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo
IZIKRONIKE I 29:11 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bobákhò, Yehova, ubukhulu, namandla, nozuko, noloyiso, nendili. Ewe, konke okusezulwini nokusehlabathini kokwakho; bobakho, Yehova, ubukumkani; ùphakamile wayintloko yeento zonke.
IZIKRONIKE I 29:11 XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ewe, Ndikhoyo, bobakho bonke ubukhulu ndawonye namandla; naso isidima sikwasesakho, ubungangamsha nobunewu-newu. Kaloku zezakho zonke ezisezulwini, kanti nezisemhlabeni ikwazezakho. Ewe, Ndikhoyo, lolwakho ulawulo; uyingqanga-ngqanga evelele konke jikelele.
IZIKRONIKE I 29:11 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bobako, YEHOVA! ubukulu, namandla, nobungcwalisa, nolwoyiso, nobungangamsha; ngokuba kukokwako konke okusezulwini nokusemhlabeni; bobako, YEHOVA! ubukumkani, opakamileyo uyintloko pezu kwonke.
IZIKRONIKE I 29:11 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)
Yehova, ubukhulu, namandla, nozuko, noloyiso, nobungangamsha bobakho; ngokuba yokwakho yonke into esemazulwini nesemhlabeni; bobakho ubukumkani, Yehova; uphakamile wayintloko yeento zonke.