IZIKRONIKE I 29:14 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo
IZIKRONIKE I 29:14 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba ndingubani na mna, bangoobani na abantu bam, ukuba side sibe namandla okunika ngokuqhutywa yintliziyo njengoku? Ngokuba zivela kuwe zonke izinto; sikunika okuvele esandleni sakho.
Yabelana
IZIKRONIKE I 29 XHO75IZIKRONIKE I 29:14 XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Kodwa kodwa kuxa ndingubani mna, beyintoni bona aba bantu bam, ukuba singade sibe nako ukukwenzela izinwe ngolu hlobo? Kaloku yonke into iphuma kuwe, ngoko ke nangoku sikunika kwaoko kuphuma esandleni sakho.
Yabelana
IZIKRONIKE I 29 XHO96IZIKRONIKE I 29:14 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa mna ndingubanina, nabantu bam bangobanina, ukuba sibe namandla okunika ngokuvuma njengoku? ngokuba zivela kuwe izinto zonke, nakokwesako isandla sinikile kuwe.
Yabelana
IZIKRONIKE I 29 XHO1902AIZIKRONIKE I 29:14 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)
Kodwa ndingubani na mna, yaye bangoobani na abantu bam, ukuba side senze imibingelelo ngokuqhutywa yintliziyo? ngokuba zonke izinto ziphuma kuwe, sakunika okukokwakho.
Yabelana
IZIKRONIKE I 29 CXB24