Uphawu lwe App yeBhayibhile
Khetha Uphawu

KAYOHANE I 4:7-8 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo

KAYOHANE I 4:7-8 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Zintanda, masithandane; ngokuba uthando lwaphuma kuThixo. Bonke abanothando bazelwe nguThixo, bayamazi uThixo. Lowo ungenaluthando akazanga amazi uThixo, ngokuba uThixo uluthando.

KAYOHANE I 4:7-8 XHO96 (IBHAYIBHILE)

Zihlobo zam ezithandekayo, masithandane; kuba kaloku uthando luvela kuThixo. Nawuphi na umntu onalo uthando uzelwe nguThixo, futhi uyamazi uThixo. Kodwa yena ongenalo uthando akamazi uThixo, kuba uThixo uluthando.

KAYOHANE I 4:7-8 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

BATANDWA! masitandane: ngokuba utando luvela KUTIXO; nosukuba etanda, yena uzelwe NGUTIXO, uyamazi UTIXO kanjako. Lowo ungatandiyo akamazanga UTIXO: ngokuba UTIXO elutando.

KAYOHANE I 4:7-8 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Zintanda, masithandane; ngokuba uthando lwaphuma kuThixo; Bonke abanothando bazelwe nguThixo, bayamazi uThixo. Lowo ungenaluthando akazanga amazi uThixo; ngokuba uThixo uluthando.