KAYOHANE I 5:11-13
KAYOHANE I 5:11-13 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Bubo obu ke ubungqina: ukuba uThixo usinike ubomi obungunaphakade; baye obo bomi bukuye uNyana wakhe. Lowo unaye uNyana, unabo ubomi; lowo ungenaye uNyana kaThixo, akanabo ubomi. Ndinibhalele ezi zinto, nina nikholwayo kwigama loNyana kaThixo, ukuze nazi ukuba ninobomi obungunaphakade, nokuze nikholwe kwigama loNyana kaThixo.
KAYOHANE I 5:11-13 IBHAYIBHILE (XHO96)
Nabu ke obo bungqina: bukukuba uThixo usinike ubomi obungenasiphelo, bomi obo sibuzuza ngokumanywa noNyana. Umntu omfumeneyo uNyana, ubufumene ubomi; kanti ke yena ongekamfumani uNyana kaThixo, akanabo ubomi. Ndibhala nje ndifuna niqonde, nina nikholwayo kwigama loNyana kaThixo, ukuba ninobomi obungenasiphelo.
KAYOHANE I 5:11-13 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Bubo obu ke ubungqina: ukuba uThixo usinike ubomi obungunaphakade; baye obo bomi bukuye uNyana wakhe. Lowo unaye uNyana, unabo ubomi; lowo ungenaye uNyana kaThixo, akanabo ubomi. Ndinibhalele ezi zinto, nina nikholwayo kwigama loNyana kaThixo; ukuze nazi ukuba ninobomi obungunaphakade, nokuze nikholwe kwigama loNyana kaThixo.
KAYOHANE I 5:11-13 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Bubo obu ke ubunqi̔na, bokuba UTIXO wasinika ubomi obungunapakade; bona obubomi ke bukuye unyana wake. Onaye UNYANA, unabo ubomi; lowo ungenaye unyana KATIXO, akanabo ubomi. EZIZINTO ndiziba̔lile kuni nikolwayo egameni lonyana KATIXO; ukuze nibe nokwazi ukuba ninabo ubomi obungunapakade, nokuze nibe nokukolwa egameni lonyana KATIXO.