OOKUMKANI I 11:4
OOKUMKANI I 11:4 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Kwathi, ngexesha lobudala bukaSolomon, abafazi bakhe bayityekisela intliziyo yakhe ekulandeleni thixo bambi; intliziyo yakhe ayaphelela kuYehova uThixo wakhe, njengentliziyo kaDavide uyise.
OOKUMKANI I 11:4 IBHAYIBHILE (XHO96)
Wathi ekugugeni kwakhe abafazi bakhe bayitsalela *koothixo babo intliziyo yakhe, akabi nako ukuzinikezela ngokupheleleyo kuNdikhoyo, uThixo wakhe, njengoko wenzayo yena uyise uDavide.
OOKUMKANI I 11:4 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ke kaloku kwathi, ngexesha lobudala bukaSolomon, abafazi bakhe bayityekisa intliziyo yakhe ekulandeleni thixo bambi; yaye intliziyo yakhe yayingamlungelanga uYehova uThixo wakhe njengentliziyo kaDavide uyise.
OOKUMKANI I 11:4 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ngokuba bekute ngexesha lobudala buka‐Solomone, abafazi bake bapambukisa intliziyo yake ukuya emva kwotixo bambi; yaye intliziyo yake yayingakolisekile NGAKUYEHOVA, UTIXO wake, njengentliziyo ka‐Davide uyise.