KAPETROS I 2:11-12
KAPETROS I 2:11-12 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
BATANDWA! ndiyaniyala njengabapamkukeli nabaṙanukeli, ukuba nizile inkanuko zasenyameni, ezilwayo ngakuwo umpefumlo; ninako ukumila kwenu nje pakati kwabo abaheyideni kufanelekile; ukuze ke, kwa kuko oko banihlebayo ngako njengabenzi bokukohlakeleyo, bati ngezenzo zenu ezifanelekileyo bakuzibonela badumise UTIXO emhleni wokunonelelwa kwabo.
KAPETROS I 2:11-12 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Zintanda, ndiyanivuselela njengabaphambukeli nabasemzini, ukuba nikhumke ezinkanukweni ezizezenyama, zona ziwuphumele umkhosi umphefumlo. Ihambo yenu mayibe ntle phakathi kweentlanga; ukuze kuloo nto bathetha okubi ngani, ngathi ningabenzi bokubi, bathi ngokubona imisebenzi yenu emihle, bamzukise uThixo ngomhla wokuvelelwa.
KAPETROS I 2:11-12 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ndiyanibongoza, zihlobo zam, kaloku niziimbacu nabaphambukeli kweli lizwe! Ngoko ke phikisanani nayo iminqweno yesimo senu esidala. Kaloku yona ilwa nani ziqu. Izimilo zenu mazibe zihle kangangokuba nabahedeni baniqonde ukuba aninabala. Xa kunjalo ke baya kuthi nokuba bayanityhola ngokungcola, babuye bavume ukuba nimsulwa. Ngaloo ndlela ke baya kumdumisa uThixo ngomhla wokufika kwakhe.
KAPETROS I 2:11-12 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Zintanda, ndiyanivuselela njengabaphambukeli nabasemzini, ukuba nikhumke ezinkanukweni ezizezenyama, zona ziwuphumele umkhosi umphefumlo. Ihambo yenu mayibe ntle phakathi kweentlanga; ukuze kulo nto bathetha okubi ngani, ngathi ningabenzi bokubi, bathi ngokubona imisebenzi yenu emihle, bamzukise uThixo ngomhla wokuvelelwa.