USAMUWELI I 15:23 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo

USAMUWELI I 15:23 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Ngokuba ukuba neenkani kusisono esinjengokuvumisa, ubungqola bunjengenkonzo yezithixo nemilondekhaya. Ngenxa yokuba ulicekisile ilizwi likaYehova, naye ukucekisile ukuba ungabi kumkani.

USAMUWELI I 15:23 XHO96 (IBHAYIBHILE)

Ukumvukela uNdikhoyo nqwa nobugqwirha. Kanti nempakamo ifana nqwa nokunqula izithixo ngobubi. Ngenxa yokuba wena ulikhabile ilizwi likaNdikhoyo, naye ke uNdikhoyo uyakukhiqa ekulawuleni.”

USAMUWELI I 15:23 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Ngokuba ukungeva kusisono sokulaula, nenkani ikukukonza amadalo neterafi. Ngenxa yokuba ulahlile ilizwi LIKAYEHOVA, naye ulahlile wena ungabi ngukumkani.

USAMUWELI I 15:23 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Ngokuba ukuba neenkani kusisono esinjengokuvumisa, ubungqola bunjengenkonzo yezithixo nemilondekhaya. Ngokuba ulicekisile ilizwi likaYehova, naye ukucekisile ukuba ungabi ngukumkani.