USAMUWELI I 19:1-2 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo
USAMUWELI I 19:1-2 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathetha uSawule kuYonatan unyana wakhe, nakubakhonzi bakhe bonke, ukuba bambulale uDavide. Ke uYonatan, unyana kaSawule, ube emthanda kunene uDavide. UYonatan wamxelela uDavide, esithi, USawule ubawo ufuna ukukubulala; ngoko uze ukhe uzigcine kusasa, uhlale endaweni esese, uzimele.
USAMUWELI I 19:1-2 XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku uSawule waxelela unyana wakhe uJonatan kunye namaphakathi akhe ukuba uDavide makabulawe. Phofu uJonatan wayevana kakhulu noDavide. Usuke ke uJonatan waya kuchazela uDavide, esithi: “Ubawo uzama indlela yokukubulala; uze ulumke ke ngomso kusasa. Uze uye kufuna indawo yokuzimela, uhlale apho.
USAMUWELI I 19:1-2 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
WADA u‐Saule wateta ku‐Jonatane unyana wake, nakuzo zonke izicaka zake, ukuba bamfise u‐Davide. Kodwa u‐Jonatane, unyana ka‐Saule, wakoliswa ngu‐Davide kakulu: waza u‐Jonatane wamxelela u‐Davide, esiti: u‐Saule, ubawo, uyafuna ukukufisa; ngako kaloku zilumkele ke kwakusa, uhlale endaweni efihlakeleyo, uzimele
USAMUWELI I 19:1-2 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)
Wathetha uSawule kuYonatan, unyana wakhe, nakubakhonzi bakhe bonke, ukuba bambulale uDavide. uYonatan unyana kaSawule ubekholekile kunene kuDavide; uYonatan wamxelela uDavide, esithi, Uyise uSawule ufuna ukukubulala.