USAMUWELI I 23:16-17 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo
USAMUWELI I 23:16-17 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wesuka uYonatan unyana kaSawule, waya kuDavide entshinyeleni yehlathi. Wasomeleza isandla sakhe kuThixo, wathi kuye, Musa ukoyika, ngokuba isandla sikaSawule ubawo asiyi kukufumana. Wena uya kuba ngukumkani kumaSirayeli, mna ndibe nganeno kwakho; kananjalo uSawule ubawo uyakwazi kakuhle oku.
USAMUWELI I 23:16-17 XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwafika uJonatan apho, eze kumkhuthaza ngaye uThixo. Wathi kuDavide uJonatan: “Musa ukoyika, Davide; ubawo uSawule akasoze abe nako ukusa isandla kuwe. Nguwe oza kuba ngukumkani kwaSirayeli; mna ndiza kuba sisandla sakho. Úyayazi naye loo nto ubawo uSawule.”
USAMUWELI I 23:16-17 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku wesuka u‐Jonatane unyana ka‐Saule, waya ku‐Davide ehlatini, wasomeleza isandla sake KUTIXO. Wayesiti kuye: Ungoyiki; ngokuba isandla sika‐Saule ubawo singayi kukufumana; koko wena uya kuba ngukumkani pezu kwo‐Sirayeli, nam ndiya kuba ngosemva kwako; kanjako no‐Saule ubawo uyazi njalo.
USAMUWELI I 23:16-17 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)
Wesuka uYonatan, unyana kaSawule, waya kuDavide entshinyeleni yehlathi, wasomeleza isandla sakhe kuThixo. Wathi kuye, Musa ukoyika, ngokuba isandla sikaSawule ubawo asiyi kukufumana; Wena uya kuba ngukumkani wakwaSirayeli, mna ndibe nawe; ukanti uSawule uyise uyayazi le nto.