Uphawu lwe App yeBhayibhile
Khetha Uphawu

USAMUWELI I 28:5-6 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo

USAMUWELI I 28:5-6 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Wayibona uSawule impi yamaFilisti, woyika; yagubha intliziyo yakhe kunene. Wabuza uSawule kuYehova; uYehova akamphendula nangamaphupha, nangeeUrim,• nangabaprofeti.

USAMUWELI I 28:5-6 XHO96 (IBHAYIBHILE)

Wankwantya uSawule akuwubona umkhosi wamaFilistiya, wabuza *kuNdikhoyo ukuba angathini na. UNdikhoyo akamphendulanga; nditsho nangamaphupha, kwankqu *nangeeurim neethumim, ukanti *nangabashumayeli.

USAMUWELI I 28:5-6 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Wati u‐Saule akubona umkosi wama‐Filistiya, wasuka woyika, nentliziyo yake yangcangcazela kakulu. Waza wabuza u‐Saule KUYEHOVA, kodwa UYEHOVA akampendula, nangamapupa, nange‐Urime, nangabaprofite.

USAMUWELI I 28:5-6 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Wayibona uSawule impi yamaFilisti, woyika, yagubha intliziyo yakhe kunene. Wabuza uSawule kuYehova, akamphendula nangamaphupha, nangeeUrim, nangabaprofeti.