Uphawu lwe App yeBhayibhile
Khetha Uphawu

USAMUWELI I 28:7-8 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo

USAMUWELI I 28:7-8 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Wathi uSawule kubakhonzi bakhe, Ndifuneleni inkazana eneshologu, ndiye kuyo, ndibuze kuyo. Bathi kuye abakhonzi bakhe, Nantsiya inkazana eneshologu e-Endore. USawule wazenza mntu wumbi, wambatha ngubo zimbi, waya enamadoda amabini. Baya bafika kwinkazana leyo ebusuku. Wathi, Khawundivumisele ngeshologu lakho, undinyusele lowo ndiya kuthetha yena kuwe.

USAMUWELI I 28:7-8 XHO96 (IBHAYIBHILE)

Ngenxa yaloo nto ke uSawule wathi kumaphakathi akhe: “Ndifuneleni umfazi ovumisa ngoonomathotholo, ukuze sithathe iintonga, siye kuye.” “Ukho lo kuthiwa use-Endore,” kutsho amaphakathi. USawule wazenza mntu wumbi, wanxiba zambatho zimbi. Uthe ngorhatya wakhatshwa ngamaphakathi amabini, baya kuloo mfazi uvumisayo. Uthe akuba efikile kuloo mfazi uSawule, wabhekisa kuye wenjenje: “Khawubhekise kwabangasekhoyo, undibizele lo mntu ndiza kukuxelela igama lakhe.”

USAMUWELI I 28:7-8 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Wandula u‐Saule wati kuzo izicaka zake: Ndifuneleni umfazi onobushologu, ndize ndiye kulowo, ndibuze kuye. Zaye zisiti izicaka zake kuye: Nankuya umfazi onobushologu e‐Hene‐dore. Waza u‐Saule wazenza ngakumbi, wambata ingubo zimbi, wahamba yena, namadoda mabini kunye naye, beza kumfazi lowo ebusuku; wayesiti: Zundilaulele ngomshologu, undinyusele lowo endiya kumxela kuwe.

USAMUWELI I 28:7-8 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Wathi uSawule kubakhonzi bakhe, Ndikhangeleleni inkazana enomoya wabafileyo, ndiye kuyo, ndibuze kuyo. Bathi abakhonzi bakhe kuye, Nankuya umfazi e-Enedore enemimoya. uSawule wazenza mntu wumbi, wambatha ngubo zimbi, wahamba enamadoda amabini, baya kufika kuloo ntokazi ebusuku; nyuka, ndikubize.