IZIKRONIKE II 18:19 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo

IZIKRONIKE II 18:19 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Wathi uYehova, Ngubani na oya kulukuhla uAhabhi, ukumkani wamaSirayeli, enyuke aye awe eRamoti yaseGiliyadi? Wejenje lo ukuthetha, wenjenje lo ukuthetha.

IZIKRONIKE II 18:19 XHO96 (IBHAYIBHILE)

Waza ke yena wathi: ‘Yaz' ukuba ngubani na oya kulukuhla uAhabhi aze ahlasele iRamoti yaseGiliyadi, khon' ukuze afele khona?’ Omnye uthethe ngolu hlobo, waza ke omnye wathetha ngoluya.

IZIKRONIKE II 18:19 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Waza wati UYEHOVA: Ngubanina oya kuhenda u‐Ahabi ukumkani wo‐Sirayeli, ukuba enyuke, enzakale e‐Ramote yase‐Gileyadi? Wati omnye esiti ngokuti, nomnye esiti ngokuti.

IZIKRONIKE II 18:19 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Wathi uYehova, Ngubani na oya kuhenda uAhabhi, ukumkani wamaSirayeli, ukuba enyuke aye abulawelwa eRamoti yaseGiliyadi? Omnye wathetha oku, omnye wathi leya.