IZIKRONIKE II 20:15 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo
IZIKRONIKE II 20:15 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bazani iindlebe, nonke maYuda, nani bemi baseYerusalem, nawe kumkani Yehoshafati. Útsho uYehova ukuthi kuni, Musani ukoyika, musani ukuqhiphuka umbilini ngenxa yale ngxokolo inje ukuba ninzi; ngokuba imfazwe le asiyeyenu, yekaThixo.
IZIKRONIKE II 20:15 XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi: “Phulaphulani, kumkani uYoshafati nani bemi bakwaJuda naseJerusalem. UNdikhoyo uthi kuni: ‘Sanukoyika; ze ningatyhafi ngenxa yale nyambalala yomkhosi. Kaloku imfazwe le asiyoyenu, yekaThixo.
IZIKRONIKE II 20:15 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
waza wati: Pulapulani, bo‐Juda bonke, nabemi base‐Yerusaleme, nokumkani Yehoshafate! utsho UYEHOVA kuni ukuti: Ningoyiki, ningatuswa kanjalo, ngenxa yesisihlwele sikulu; ngokuba kungekokwenu ukulwa oku, kuko KUKATIXO.
IZIKRONIKE II 20:15 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)
Wathi, Yivani, nonke maYuda, nani bemi baseYerusalem, nawe kumkani Yehoshafati. Utsho uYehova ukuthi, Musani ukoyika, musani ukoyika, musani ukoyika ngenxa yale ngxokolo inje ukuba ninzi; ngokuba imfazwe asiyeyenu, yekaThixo.