IZIKRONIKE II 20:21 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo
IZIKRONIKE II 20:21 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uthe akucebisana nabantu, wamisa iimvumi zikaYehvoa zokudumisa, zivethe ezingcwele, eziya kuphuma zihambe phambi kwabaxhobileyo, zisithi, bulelani kuYehova, ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
IZIKRONIKE II 20:21 XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akuba ethetha-thethene nabantu uYoshafati wamisela iimvumi zokuculela uNdikhoyo, ukuze zimbonge ngenxa yobunewu-newu bobungcwele bakhe. Zawukhokela ke umkhosi lowo, zimemelela zisithi: “Bulelani kuNdikhoyo, kuba izibele zakhe zimi ngonaphakade.”
IZIKRONIKE II 20:21 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula wacebisana nabantu, wammisela UYEHOVA abaculi, abaya kudumisa ebuhleni bobungcwele, bakupuma pambi kwabaxo̔bileyo, besiti: Bulelani KUYEHOVA; ngokuba ububele bake bungunapakade.
IZIKRONIKE II 20:21 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)
Uthe ke akuba ethethile ebantwini, wamisa iimvumi zozuko lukaYehova, ezidumisa uzuko lobungcwele, ukuba zihambe phambi kwamatyala, zisithi, Dumisani uYehova! Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.