IZIKRONIKE II 32:7-8 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo
IZIKRONIKE II 32:7-8 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yomelelani nikhaliphe; musani ukoyika; musani ukuqhiphuka umbilini ngukumkani waseAsiriya, nayingxokolo yonke anayo, ngokuba baninzi abangakuthi, phezu kwabangakuye. Okunaye yingalo yenyama, okunathi nguYehova uThixo wethu, ukuba asincede, alwe amadabi ethu. Abantu bayama emazwini kaHezekiya ukumkani wakwaYuda.
IZIKRONIKE II 32:7-8 XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Yomelelani nikhaliphe! Ze ningabi nadyudyu okanye nityhafe ngenxa yokumkani waseAsiriya nomkhosi wakhe omkhulu; kaloku baninzi abangakuthi kunabo bangakuye. Ngakuye ngamandla omntu, ukanti ngakuthi *nguNdikhoyo uThixo wethu oza kusinceda asilwele amadabi ethu.” Ke abantu batsho bomelela ngaloo mazwi kaHezekiya ukumkani wakwaJuda.
IZIKRONIKE II 32:7-8 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yomelelani nikalipe, ningoyiki, ningatuswa nokutuswa, ngenxa yokumkani we‐Asiriya, nangenxa yaso sonke isihlwele esinaye: ngokuba bebaninzi abanati pezu kwabanaye: yingalo yenyama enaye, kodwa NGUYEHOVA, UTIXO wetu, onati, ukuba asincede, nokuba alwe ukulwa kwetu. Bati abantu bayamela emazwini ka‐Hezekiya ukumkani wo‐Juda.
IZIKRONIKE II 32:7-8 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)
Yomelelani nikhaliphe, musani ukoyika okanye ningoyiki ngenxa kakumkani waseAsiriya nangenxa yaso sonke isihlwele esikunye naye, kuba abo bakunye nathi baninzi ngakumbi kunabo bakunye naye. Kuye kukho isandla senyama; kodwa kuthi uYehova nguThixo wethu ukuba asincede asilwele amadabi ethu. Ke abantu bakholosa ngamazwi kaHezekiya ukumkani wakwaYuda.