IZIKRONIKE II 33:12-13 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo
IZIKRONIKE II 33:12-13 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ekubandezelweni kwakhe wambongoza uYehova uThixo wakhe, wazithoba kakhulu phambi koThixo wooyise. Wathandaza kuye, wathandazeka yena nguye, wakuva ukutarhuzisa kwakhe, wambuyisela eYerusalem ebukumkanini bakhe. Wazi ke uManase ukuba uYehova nguye onguThixo.
IZIKRONIKE II 33:12-13 XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kuloo nkxwaleko ke uManase wazicengezela kuNdikhoyo uThixo wakhe, wazithoba warhuqa phantsi phambi koThixo wooyise. Akuthandaza ke, uNdikhoyo wachukumiseka sisikhungo sakhe, wakuphulaphula ukuzibika kwakhe; ngoko ke wambuyisela embusweni wakhe eJerusalem. Watsho waqonda ke uManase ukuba uNdikhoyo nguThixo.
IZIKRONIKE II 33:12-13 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa ekuxinezelweni kwake wabongoza ubuso BUKAYEHOVA, UTIXO wake, wazigoba kakulu pambi KWOTIXO woyise bake, watandaza kuye: waza wakungeleka kuye, weva isitaṙuziso sake, wambuyisela e‐Yerusaleme ebukumkanini bake. Wandula wazi u‐Manase ukuba UYEHOVA unguye UTIXO.
IZIKRONIKE II 33:12-13 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)
Ke kaloku kwathi, ekubandezelekeni kwakhe, wathandaza kuYehova uThixo wakhe, wazithoba kakhulu phambi koThixo wooyise. Wathandaza kuye, wathandaza kuye, wakuva ukucela kwakhe, wambuyisela eYerusalem ebukumkanini bakhe. Wazi ke uManase ukuba uYehova nguThixo.