Uphawu lwe App yeBhayibhile
Khetha Uphawu

IZIKRONIKE II 7:14 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo

IZIKRONIKE II 7:14 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

bathoba ke abantu bam, ábabizwa ngegama lam, bathandaza, bafuna ubuso bam, babuya ezindleleni zabo ezimbi: ndiya kuva mna emazulwini, ndibaxolele izono zabo, ndiliphilse ilizwe labo.

IZIKRONIKE II 7:14 XHO96 (IBHAYIBHILE)

ukuba abantu bam abo babizwa ngegama lam bathe bazithoba bathandaza bendikhunga befuna ubuso bam, bazilahla iindlela zabo ezikhohlakeleyo, ke mna ndiya kubaphulaphula ndibeve ndisezulwini, ndisixolele isono sabo, ndilinyange ilizwe labo.

IZIKRONIKE II 7:14 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

baze bati abantu bam, ekupezu kwabo kubizwa igama lam, bazigobe, batandaze, bafune ubuso bam, baguquke emikweni yabo ekohlakeleyo; ndiya kwandula ndive mna kwa sezulwini, ndixolele isono sabo, ndipilise nelizwe labo.

IZIKRONIKE II 7:14 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

bathoba ke abantu bam, ababizwa kubo igama lam, bathandaza, bafuna ubuso bam, babuya ezindleleni zabo ezimbi; ndiya kuva ke emazulwini, ndibaxolele izono zabo, ndiliphilise ihlabathi labo.