Uphawu lwe App yeBhayibhile
Khetha Uphawu

OOKUMKANI II 4:1 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo

OOKUMKANI II 4:1 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Ke kaloku umfazi othile kubafazi boonyana babaprofeti wakhala kuElisha, esithi, Umkhonzi wakho indoda yam ifile. Ùyazi wena ukuba umkhonzi wakho lowo ebemoyika uYehova; ke umboleki-mali uze kubathabathela kuye oonyana bam bobabini, ukuba babe ngamakhoboka.

OOKUMKANI II 4:1 XHO96 (IBHAYIBHILE)

Umhlolokazi othile, omyeni wayengomnye wabashumayeli, wakhalela uElisha esithi: “Umyeni wam ongasekhoyo, isicaka sakho, nawe uyamazi ukuba ebemhlonele *uNdikhoyo. Kambe ke ngoku engasekho umntu awayenetyala kuye ufuna ukuthimba amakhwenkwe am amabini abe ngamakhoboka.”

OOKUMKANI II 4:1 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

KEKALOKU umfazi otile ebafazini bonyana babaprofite wakala ku‐Elisha, esiti: Isicaka sako, indoda yam, sifile; nawe uyazi ukuba isicaka sako besimoyika UYEHOVA: usel’ efikile lowo ibinetyala kuye, ukuza kuzitabatela onyana bam bobabini babe ngamakoboka.

OOKUMKANI II 4:1 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Ke kaloku umfazi othile woonyana babaprofeti wakhala kuElisha, esithi, Umkhonzi wakho, indoda yam, ubhubhile; yaye wena uyazi ukuba umkhonzi wakho wayemoyika uYehova, waza umbolekisi weza kubathabatha oonyana bam bobabini ukuba babe ngamakhoboka akhe.