Uphawu lwe App yeBhayibhile
Khetha Uphawu

OOKUMKANI II 5:1 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo

OOKUMKANI II 5:1 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Ke kaloku uNahaman, umthethelimkhosi wokumkani wakwa-Aram,• waye eyindoda enkulu enkosini yakhe, ebekekileyo; ngokuba uYehova wayewanike ama-Aram usindiso ngaye. Loo ndoda yabe iligorha, ilikroti, kodwa ineqhenqa.

OOKUMKANI II 5:1 XHO96 (IBHAYIBHILE)

Ke kaloku uNahaman wayeyinjengele yomkhosi wokumkani wakwa-Aram. Yayingumfo ohlonitshwayo noxatyisiweyo nayinkosi yakhe. Kaloku kwakungaye lowo ukuze *uNdikhoyo awaphe uloyiso ama-Aram. Wayelikroti lomfo, nto nje eneqhenqa.

OOKUMKANI II 5:1 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

KEKALOKU u‐Nahamane, inkosi yomkosi wokumkani we‐Siriya, ebeyindoda enkulu ebusweni benkosi yake, nebekekileyo, ngokuba UYEHOVA wabenikile ngaye ulwoyiso kuma‐Siriya; wayeyindoda eligoṙa elikalipileyo kanjalo, kodwa ebelileperi.

OOKUMKANI II 5:1 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Ke kaloku uNahaman, umthetheli-mkhosi wokumkani wakwa-Aram, waye eyindoda enkulu phambi kokumkani wakhe, ebekekileyo; ngokuba uYehova wayewanike ngaye ama-Aram; naye wayeligorha elikhaliphileyo, kodwa eneqhenqa.