OOKUMKANI II 5:13 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo
OOKUMKANI II 5:13 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bafika abakhonzi bakhe, bathetha naye, bathi, Bawo, ukuba umprofeti ubethethe into enkulu kuwe, ubungàyi kuyenza yini na? Kangakanani na ke xa athi kuwe, Hlamba, uhlambuluke?
Yabelana
OOKUMKANI II 5 XHO75OOKUMKANI II 5:13 XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke zona izicaka zikaNahaman zaya kuye, zathi: “Nkosi, ukuba umshumayeli lowa ebethe yenza into enkulu kunale, ngaba ubungayi kuyenza na? Kukangakanani ke, nkosi, xa yena esithi: ‘Hlamba ukuze uhlambuluke’!”
Yabelana
OOKUMKANI II 5 XHO96OOKUMKANI II 5:13 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Zaza zasondela izicaka zake, zateta kuye, zati: Bawo! ukuba umprofite ebetetile kuwe into enkulu, ubungayi kuyenza na? kangakananina ngakumbi ke nxa ate kuwe: Hlamba, uhlambuluke.
Yabelana
OOKUMKANI II 5 XHO1902AOOKUMKANI II 5:13 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)
Beza abakhonzi bakhe, bathetha kuye, bathi, Bawo, ukuba umprofeti ubethethe into enkulu kuwe, ubungàyi kuyenza yini na? Kangakanani na ke xa athe kuwe, Hlamba, uhlambuluke?
Yabelana
OOKUMKANI II 5 CXB24