USAMUWELI II 11:2-3 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo

USAMUWELI II 11:2-3 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Kwathi ngexesha langokuhlwa, wavuka uDavide esililini sakhe, wahambahamba phezu kophahla lwendlu yokumkani. Wathi, eseluphahleni, wabona umfazi ezihlamba; ke umfazi lowo wayemhle kunene ngembonakalo. Wathumela uDavide, wabuzisa ngaloo mfazi. Kwathiwa, Asinguye na uBhatshebha lowo, intombi kaEliham, umkaUriya umHeti?

USAMUWELI II 11:2-3 XHO96 (IBHAYIBHILE)

Ngamhla uthile, ukujika kwelanga, kwathi uDavide esahamba-hamba kumgangatho ophezu kophahla lwebhotwe, esandula ukuvuka emandlalweni wakhe, wabona umfazi ehlamba umzimba. Yaye iyinzwakazi kanobom leyo. Wathumela umntu uDavide, efuna ukuqonda ukuba wayengubani na loo mfazi. Kwathiwa: “NguBhashebha, intombi kaEliyam. Ngumka-Uriya, umfo waseHeti.”

USAMUWELI II 11:2-3 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Kwaza kwati ngexesha lokuhlwa, wesuka u‐Davide emandlalweni wake, wahamba pezu kwesifulelwa sendlu yokumkani; wati esesifulelweni wabona umfazi ezihlamba: kekaloku umfazi lowo ebemhle kakulu ukubonakala kwake. Waza watuma u‐Davide, wabuza ngalomfazi. Kwaye kusitwa: Lo asi nguye na u‐Batesheba, intombi ka‐Elihame, umfazi ka‐Huriya um‐Hete?

USAMUWELI II 11:2-3 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Kwahlwa, wesuka uDavide esingqengqelweni sakhe, wahambahamba phezu kwendlu yokumkani; yaye loo mfazi wayemhle kunene ngembonakalo. Wathumela uDavide ukuba aye kubuza kuloo ntokazi. Wathi omnye, Asinguye na uBhatshebha, intombi kaEliyam, umkaUriya umHeti?