USAMUWELI II 14:14 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo
USAMUWELI II 14:14 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba simelwe kukufa, sinjengamanzi aphaleleyo emhlabeni, angenakuhlanganiswa; noThixo akasusi mphefumlo, ufuna icebo, ukuze angamgxothi kuye umgxothwa.
Yabelana
USAMUWELI II 14 XHO75USAMUWELI II 14:14 XHO96 (IBHAYIBHILE)
Sonke simelwe kukufa, siphalale njengamanzi angenakubuya akhiwe. Kambe uThixo akawucimi umphefumlo, koko wenza icebo lokuba obhacileyo ambuyise.
Yabelana
USAMUWELI II 14 XHO96USAMUWELI II 14:14 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba siya kufa ngenyaniso, sibe njengamanzi apaleleyo emhlabeni, angenakubutwa: kodwa UTIXO akasusi ubomi, uyaqinga amaqinga okuba angamgxoti kuye ogxotiweyo.
Yabelana
USAMUWELI II 14 XHO1902AUSAMUWELI II 14:14 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)
Ngokuba siya kufa, sibe njengamanzi aphaleleyo emhlabeni, angenakuqokelelwa kwakhona; kananjalo uThixo akahloniphi mntu; Noko ke, uceba icebo ukuze abathinjwa bakhe bangagxothwa bemke kuye.
Yabelana
USAMUWELI II 14 CXB24