USAMUWELI II 18:33
USAMUWELI II 18:33 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Wagungqa ukumkani; wenyuka waya egumbini eliphezu kwesango, walila, wathetha ekuyeni kwakhe, esithi, Nyana wam, Abhisalom, nyana wam, nyana wam, Abhisalom! Akwaba bekufe mna esikhundleni sakho, Abhisalom, nyana wam, nyana wam!
USAMUWELI II 18:33 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ukumkani waba nengevane, wenyuka waya kwigumbi eliphezu kwesango, wafika walila. Wayehamba elila, esithi: “Yini umntwana wam! Awu, nyana wam Abhasalom, nyana wam Abhasalom! Akwaba ibindim ofileyo, Abhasalom, nyana wam, nyana wam!”
USAMUWELI II 18:33 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Waba buhlungu kakhulu ukumkani wenyuka waya egumbini eliphambi kwesango, walila; wahamba, wathi, Nyana wam, Abhisalom, nyana wam, nyana wam, Abhisalom! Akwaba bendinokufela wena, Abhisalom, nyana wam, nyana wam!
USAMUWELI II 18:33 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Wandula ukumkani wabetwa lusizi, wenyuka waya enkambilini epezulu kwesango, walila; wayesitsho ekuyeni kwake ukuti: Nyana wam Abasalome, nyana wam, nyana wam Abasalome! akwaba ndabendifile esikundleni sako, Abasalome, nyana wam, nyana wam!