IZENZO 11:17-18
IZENZO 11:17-18 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ukuba ngoko uThixo wabapha isipho esingangeso wasiphayo nathi thina sakholwayo eNkosini uYesu Kristu, mna ke bendingubani na, ukuba ndide ndibe nako ukumthintela uThixo? Bakuziva ke ezo zinto, bathi cwaka, bamzukisa uThixo, besithi, Kanti na ke neentlanga ezi uThixo uziphe ukuguqukela ebomini.
IZENZO 11:17-18 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kaloku uThixo wabapha isipho esifana neso wasiphayo nathi thina sakholwayo kwiNkosi uYesu Krestu. Bendiyintoni na mna, ukuba ndingade ndimchase uThixo? Bakuziva ke ezo zinto, bathi cwaka, bamzukisa uThixo, besithi, Kanti na ke neentlanga ezi uThixo uziphe ukuguqukela ebomini.
IZENZO 11:17-18 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kucace gcaa ukuba uThixo ezaa ntlanga uzinike kanye esiya sipho wasinika sona thina siyamkeleyo iNkosi uYesu Krestu. Bendingubani na ke mna ukuba ndingáde ndime phambi kwentando kaThixo?” Yabanelisa le ngxelo, baza bamdumisa uThixo, ngokuba kuthe kanti neentlanga ezi uThixo uyazinika ithuba lokuguquka, ukuze zidle ubomi.
IZENZO 11:17-18 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ukuba ngoko UTIXO wanika kubo isipo esilingana neso wasinika nakuti, bakukolwa KWINKOSI u‐Yesu Kristu, bendingubanina pofu mna, ukuba ndibe nako ukumalela UTIXO? Bati bakuva ezizinto bayeka, badumisa UTIXO, besiti: Kwa nje ke nakubo abaheyideni UTIXO ulunikile uguquko bube bubomi.