UAMOSI 9:13-14
UAMOSI 9:13-14 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Yabonani, kuza imihla, utsho uYehova, aya kuthi afumanane umlimi nomvuni, umxovuli weediliya afumanane nomhlwayeli wembewu; iintaba zivuze incindi yeediliya, neenduli zonke zinyibilike. Ndiya kukubuyisa ukuthinjwa kwabantu bam amaSirayeli, bayakhe imizi engamanxuwa, bayihlale, batyale izidiliya, basele iwayini yazo, benze imiyezo, badle iziqhamo zayo.
UAMOSI 9:13-14 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ewe, nguwo lo umlomo kaNdikhoyo: “Kuza imihla ekuya kuthi kusavunwa kube sekulinywa kwakhona, kuthi isatyalwa imbewu yediliya kube sekuxovulwa. Ewe, iintaba ziya kuvuzisa incindi yeediliya, iinduli zitsho zinyibilike. Ndiya kubabuyisa ekuthinjweni abantu bam amaSirayeli, bawavuse amanxiwa ezixeko zabo, bahlale kuzo, balime izidiliya, basele iwayini yazo, balime izitiya, badle iziqhamo zazo.
UAMOSI 9:13-14 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Yabonani, kuza imihla, utsho uYehova, aya kuthi ngayo umlimi abambe umvuni, athi umlimi-zidiliya abambe umhlwayeli; neentaba ziya kuthontsiza iwayini enencasa, neenduli zonke ziya kunyibilika. Ndiya kubabuyisa abathinjwa babantu bam amaSirayeli, bayakhe imizi engamanxuwa, bahlale kuyo; baya kutyala izidiliya, basele iwayini yazo; baya kutyala imiyezo, badle iziqhamo zayo.
UAMOSI 9:13-14 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Bona ke, imihla iyeza, utsho UYEHOVA, ukuba umlimi womfumana umvuni, nomxovuli wedreyive lowo uhlwayelayo imbewu; kanjalo intaba ziya kutontsela iveyine entsha, nazo zonke induli zonyibilika. Ndandiya kubuyisa ukutinjwa kwabantu bam o‐Sirayeli, abaya kuzaka izixeko ezici̔takeleyo, beme kuzo: baya kutyala imiyezo, basele iveyine yayo; bozenza nezitiya, badle isixakato sazo.