KWABASEKOLOSE 3:23-24
KWABASEKOLOSE 3:23-24 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Nako konke enisukuba nikwenza, kusebenzeni ngokwasemphefumlweni, kungé kukwiNkosi, akukhona kubantu; nisazi nje ukuba niya kuyamkela eNkosini imbuyekezo yelifa; kuba nikhonza iNkosi uKristu.
KWABASEKOLOSE 3:23-24 IBHAYIBHILE (XHO96)
Nayiphi na into eniyenzayo yenzeni ngomxhelo ngokungathi niyenzela iNkosi, aniyenzeli bantu. Ze nikhumbule ukuba iNkosi iya kunivuza ngelifa eligcinele abantu bayo. Kaloku uKrestu yeyona Nkosi nikhonza yona.
KWABASEKOLOSE 3:23-24 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Nako konke enisukuba nikwenza, kusebenzeni ngokwasemphefumlweni, kunge kukwiNkosi, akukhona kubantu; nisazi nje ukuba niya kuyamkela eNkosini imbuyekezo yelifa; kuba nikhonza iNkosi uKristu.
KWABASEKOLOSE 3:23-24 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Nako konke enisukuba nikwenza, kwenzeni kwa ngentliziyo, njengakuyo INKOSI, kungekubo abantu; nisazi nje ukuba niya kuwamkela KWINKOSI umvuzo welifa: ngokuba niyikonza INKOSI u‐Kristu.