UDANIYELI 3:19 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo

UDANIYELI 3:19 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Wesuka uNebhukadenetsare wazala bubushushu, nokumila kobuso bakhe baba bubi kuShadraki, noMeshaki, noAbhede-nego; waphendula wathi, iziko malenziwe libe shushu ngokuphindwe kasixhenxe, kunoko fudula lisenziwa shushu ngako.

UDANIYELI 3:19 XHO96 (IBHAYIBHILE)

Hayi ke ngoku, ukumkani uNebhukadenezare watsho wandlongozela ngumsindo, nobuso bakhe baxubayela ngakooShedreki noMeshaki noAbhednigo. Ngoko ke wathi iziko malibaswe ngokuphindwe kasixhenxe kunesiqhelo.

UDANIYELI 3:19 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Wandula u‐Nebukanetsare wazala buṙalaṙume, kwati ukubonakala kwobuso bake kwaguqulwa ngakubo o‐Shadraki, no‐Meshaki, no‐Habedi‐nego: wateta, waxela ukuba iziko malenziwe shushu kube kasixe̔nxe ngapezulu koko fudula lenziwa shushu ngako.

UDANIYELI 3:19 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

uNebhukadenetsare wazala ngumsindo, nembonakalo yobuso bakhe yeya kuShadraki, noMeshaki, noAbhede-nego; ke ngoko, wathetha waza waziyalela ukuba zisonge ngokuphindwe kasixhenxe kunoko bekukade kusongwa.