UDANIYELI 3:29
UDANIYELI 3:29 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ndiwisa umthetho wokuba zonke iintlanga, nezizwe, neelwimi, ezisukuba zithetha into eyimposiso ngoThixo kaShadraki, kaMeshaki, ka-Abhede-nego, ziya kwenziwa iziqwenga; izindlu zabo zenziwe indawo ekuyiwa kuyo endle; ngenxa enokuba kungekho thixo wumbi, unako ukuhlangula ngolo luhlobo.
UDANIYELI 3:29 IBHAYIBHILE (XHO96)
“Ngoko ke ndiwisa umthetho othi nabani na, nowasiphi na isizwe, noba ngowaluphi na uhlanga, noba ngowayiphi na intetho, umntu onyelisa uThixo kaShedreki noMeshaki noAbhednigo – owenza loo nto uya kwenziwa iziqwenga, wona umzi wakhe udilizwe ube yindawo ekuyiwa kuyo ngasese. Kaloku akukho Thixo wumbi unako ukusindisa ngale ndlela.”
UDANIYELI 3:29 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ngoko ndiwisa umthetho wokuba zonke iintlanga, nezizwe zonke, neelwimi zonke, ezithetha kakubi ngoThixo kaShadraki, kaMeshaki, ka-Abhede-nego, zinqanyulwe, izindlu zabo zibe ngamanxuwa; ngokuba kungekho wumbi unjengaye inokukhulula.
UDANIYELI 3:29 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ngako ndiyawenza umteto, ukuba bonke abantu, izizwe, nenteto, abaya kuteta into engalungileyo ngakuye UTIXO wabo o‐Shadraki, no‐Meshaki, no‐Habedi‐nego, baya kuhlahlwa, ziti izindlu zabo zenzwe imfumba yenkunkuma; ngokuba kungeko tixo wumbi ongahlangulayo ngokunje.