UDANIYELI 6:26-27
UDANIYELI 6:26-27 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ndiwisa umthetho wokuba bathi, ezindaweni zonke zegunya lobukumkani bam, badidizele bothuke abantu phambi koThixo kaDaniyeli. Ngokuba unguThixo ophilileyo, emi ngonaphakade; ubukumkani bakhe abonákaliswa, negunya lakhe liya kuda liye ekupheleni; esindisa, ehlangula, esenza imiqondiso nezimanga emazulwini nasehlabathini; ngokuba emsindisile uDaniyeli emandleni eengonyama.
UDANIYELI 6:26-27 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ndigunyazisa kulo lonke kulo mbuso wam ukuba wonke umntu makamoyike amhlonele amthobele uThixo kaDaniyeli. “Kuba yena nguThixo ophilayo, uThixo okhoyo ngonaphakade. Umbuso wakhe soze utshatyalaliswe; ulawulo lwakhe alunasiphelo. Yena kaloku uyahlangula, yaye esindisa. Ungumenzi wemiqondiso kwanemimangaliso emazulwini kanti nalapha emhlabeni. Nguye lo umhlanguleyo uDaniyeli, wamsindisa emandleni eengonyama.”
UDANIYELI 6:26-27 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ndikhupha umyalelo wokuba bonke abantu abakurhulumente wonke wobukumkani bam bangcangcazele baze boyike phambi koThixo kaDaniyeli, ngenxa yokuba unguThixo ophilayo ozinzileyo de kube sekupheleni kwexesha, yaye ‘ubukumkani bakhe abuyi kuba bume utshatyalalisiwe, yaye ubukumkani bakhe buya kwanela kude kubezekupheleni. Ulohlangula, usindisa, wenza imiqondiso nezimanga emazulwini nasehlabathini; wamhlangula uDaniyeli emandleni eengonyama.
UDANIYELI 6:26-27 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ndiyawenza umteto, ukuba makuti kubo bonke ubukosi bobukumkani bam kungcangcazelwe kwoyikwe pambi KWOTIXO ka‐Danyeli: ngokuba e NGUTIXO opilileyo, emi ngonapakade; ubukumkani bake bobungayi kutshatyalaliswa, nobukosi bake bobako kude kube sekupeleni. Uyakulula, uyasindisa nokusindisa, uyenza imiqondiso nemimangaliso ezulwini nasemhlabeni, okululeyo u‐Danyeli emandleni engonyama.