Uphawu lwe App yeBhayibhile
Khetha Uphawu

UDANIYELI 8:19-21 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo

UDANIYELI 8:19-21 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Wathi, Yabona, ndiya kwazisa okuya kubakho ekupheleni kobhavumo; ngokuba umbono uya kwixesha elimisiweyo lokuphela. Inkunzi yegusha oyibonileyo ineempondo ezimbini, ngokumkani bamaMedi nabamaPersi; nenkunzi yebhokhwe exhonti ngukumkani wakwaYavan;• uphondo olukhulu oluphakathi kwamehlo ngukumkani wokuqala.

UDANIYELI 8:19-21 XHO96 (IBHAYIBHILE)

wathi: “Ndikubonisa izinto eziya kwenzeka ngomhla wokugqibela wengqumbo kaThixo. Kaloku lo mbono ubhekiselele kwixesha elimisiweyo lesiphelo. “Laa nkunzi yegusha uyibonileyo impondo-mbini imele ookumkani bamaMedi nabamaPeshiya. Yona inkunzi yebhokhwe exhonti imele ookumkani bamaGrike. Olwaa gqajolo lophondo luphakathi kwamehlo ngukumkani wokuqala wawo.

UDANIYELI 8:19-21 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Wayesiti: Bona ke, ndiya kukwazisa oko okuya kubako ekugqityelweni kwengqumbo; ngokuba ixesha elimiselweyo sinesipelo. Inkunzi yegusha owayibonayo inempondo mbini, bangokumkani bama‐Medi nama‐Peresiya. Nebokwe elixonti, ngukumkani we‐Javane; nopondo olukulu, olo lupakati kwamehlo ayo, ngukumkani wokuqala.

UDANIYELI 8:19-21 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Wathi, Yabonani, ndinixelela okuya kubakho ekupheleni kwengqumbo; ngokuba isiphelo siya kuba ngexesha elimisiweyo. Inkunzi yegusha oyibonileyo ineempondo ezimbini, ngookumkani bamaMedi namaPersi; Ibhokhwe etyetyisiweyo ngukumkani waseGrisi, nophondo olukhulu oluphakathi kwamehlo ayo ngukumkani wokuqala.