IDUTERONOMI 11:13-14
IDUTERONOMI 11:13-14 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Kothi, ukuba nithe nayiphulaphula ngenyameko imithetho yam endiniwiselayo namhla, yokuba nimthande uYehova uThixo wenu, nimkhonze ngentliziyo yenu yonke, nangomphefumlo wenu wonke: ndinìnike imvula yelizwe lenu ngexesha layo, ethambisayo nevuthisayo, uhlanganise ingqolowa yakho
IDUTERONOMI 11:13-14 IBHAYIBHILE (XHO96)
“Ngoko ke yithobeleni le miyalelo ndininika yona namhlanje, nimthande uNdikhoyo uThixo wenu, nimkhonze ngengqondo yenu yonke nangomoya wenu wonke. Xa nisenjenjalo ke uNdikhoyo uthi: ‘Ndiya kuyinisa imvula ngamaxesha ayo – entlako-hlaza nasekwindla – khon' ukuze nivune ukudla okuziinkozo, iwayini, namafutha omnquma
IDUTERONOMI 11:13-14 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ukuba nithe nayiphulaphula ngenyameko imithetho yam, endiniwisela yona namhla, nimthande uYehova uThixo wenu, nimkhonze ngentliziyo yenu yonke, nangomphefumlo wenu wonke; ndininike iimvula zelizwe lenu ngexesha lazo, iimvula zokuqala nezeemvula zamva, niyihlanganise ingqolowa yakho, nomdiza wakho, neoli yakho
IDUTERONOMI 11:13-14 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kwakuya kuti, nxa niya kukutala ukupulapula imiteto yam endiniyalelayo namhla, yokuba nimtande UYEHOVA, UTIXO wenu, nokuba nimkonze ngayo yonke intliziyo yenu nangawo wonke umpefumlo wenu; ndiya kwandula ndinike imvula yomhlaba wenu ngexesha layo, eyapambili imvula neyasemva imvula; ukuze ubute inqolowa yako, neveyine yako, neoli yako.