IDUTERONOMI 5:13-14
IDUTERONOMI 5:13-14 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Wòsebenza imihla emithandathu, uwenze wonke umsebenzi wakho; ke wona umhla wesixhenxe úyisabatha kaYehova uThixo wakho. Uze ungenzi namnye umsebenzi, wena, nonyana wakho, nentombi yakho, nesicaka sakho, nesicakakazi sakho, nenkomo yakho, ne-esile lakho, neento zakho zonke ezizitho ziné, nowasemzini osemasangweni akho, ukuze siphumle isicaka sakho nesicakakazi sakho, njengawe
IDUTERONOMI 5:13-14 IBHAYIBHILE (XHO96)
Sebenza imihla emithandathu, uwenze wonke umsebenzi wakho. Ke wona umhla wesixhenxe lusuku lwam olulodwa lokuphumla. Ngoko ke makungabikho mntu usebenzayo ngalo mhla; nditsho nawe, umntwana wakho, nesicaka sakho, nemfuyo yakho, ngokunjalo nomngeneleli ohlala phakathi kwenu. Nesicaka sakho masiphumle kwanjengawe.
IDUTERONOMI 5:13-14 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Wosebenza imihla emithandathu, uwenze wonke umsebenzi wakho; ke wona umhla wesixhenxe uyisabatha kaYehova uThixo wakho; Uze ungenzi namnye umsebenzi ngayo, wena, nonyana wakho, nentombi yakho, nesicaka sakho, nesicakakazi sakho, nenkomo yakho, neesile lakho, nokuba yiyiphi into ezitho zine, nokuba yiyiphi into ezitho zine, nokuba yiyiphi na ephakathi kwakho, nowasemzini ophakathi kwakho; ukuze uphumle umkhonzi wakho nomkhonzazana wakho njengawe.
IDUTERONOMI 5:13-14 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Wosebenza imihla ibe mitandatu, uwenze wonke umsebenzi wako; kodwa umhla wesixe̔nxe uyi‐Sabata KAYEHOVA, UTIXO wako; akuyi kwenza namnye umsebenzi ngawo, kwa wena, nonyana wako, nentombi yako, nesicaka sako, nesicakakazi sako, nenkabi yako, neqwaṙashe lako, nazo zonke inkomo zako, nowasemzini wako opakati kwamasango ako; ukuze kupumle isicaka sako nesicakakazi sako njengawe.