IDUTERONOMI 7:8
IDUTERONOMI 7:8 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Kungokunithanda kukaYehova, kungokusigcina kwakhe isifungo abesifungele ooyihlo, le nto anikhuphe ngesandla esithe nkqi uYehova, wanikhulula ngentlawulelo endlwini yobukhoboka, esandleni sikaFaro, ukumkani waseYiputa.
IDUTERONOMI 7:8 IBHAYIBHILE (XHO96)
UNdikhoyo uninyule kuba enithanda, efuna ukusigcina isifungo awasenzela ooyihlo-mkhulu. Kwakungenxa yeso sizathu ukuze anihlangule ngamandla akhe amakhulu, anikhulule ebukhobokeni phantsi kokumkani waseJiputa.
IDUTERONOMI 7:8 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kodwa ngenxa yokunithanda kukaYehova nokusigcina kwakhe isifungo awasifungela ookhokho benu, uYehova unikhuphe ngesandla esomeleleyo waza wanikhulula kwindlu yamakhoboka esandleni sikaFaro, ukumkani waseYiputa.
IDUTERONOMI 7:8 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
kungenxa yokuba UYEHOVA ebenitanda, nokuba ebeya kugcina isifungo owabefungele oyihlo benu ngaso, anipumisileyo UYEHOVA ngesandla esomeleleyo, wanikulula endlwini yobukoboka, esandleni sika‐Faro ukumkani we‐Jipete.